Inkcazo ngoncedo olunikwayo Izibonelo Zemigomo

Inkcazo ngoncedo olunikwayo. Akukho ikhoyo okwangoku.
Inkcazo ngoncedo olunikwayo. Iinkcukacha zamanani ngokuphathelele kubafundi nootitshala zifumaneka kuVandlakanyo loNyaka lwe-WCED ( WCED's Annual Survey) nakumanani-nkcazo osuku lweshumi (10th day statistics). Aye enyuka amanani abantwana abafudukela kwiphondo leNtshona Koloni, kodwa ke amagumbi okufundela ongezelelweyo agqitywe ku-2002/03 naku-2003/04 aye anceda ekuwagcineni amanani abafundi kwigumbi ngalinye ingalawa ebeqikelelwe. Inkcitho yeemali ezikhoyo kwiiprojekthi zolwakhiwo ezintsha ayihambanga ngohlobo ebelucetyiwe. Kambe ke zingaphaya kwama-200 iiprojekthi zolondolozo olongezelelweyo ezithe zagqitywa. Le nto ke iye yaba nefuthe elikhulu kwipesenti yohlahlo-mali lwezibonelelo ethe yachithelwa kulondolozo. Amabanga 1 – 12 kwizikolo zikarhulumente zesiqhelo zibonelelwa ngootitshala abakhethwa ngokwesikhokelo esiyiPost Provisioning Model, nangabasebenzi abangezotitshala nabankxaso-mali yabo ibekwa ngokweZimiselo neMigangatho yokuNikwa kweZikolo iNkxaso-mali (Norms and Standards Funding for Schools), ngokusekelwe kumazinga entlupheko kuzo zombini ezi nkalo.
Inkcazo ngoncedo olunikwayo. Zonke izikolo ezizimeleyo ezibhaliswe kwiSebe leMfundo leNtshona Koloni zinelungelo lokufumana uncediso-mali olulingana ne-60% yendleko yomfundi ngamnye okwizikolo zikarhulkumente, ngokuxhomekeke kwiZimiselo neMigangatho yeNkxaso-maal;i yeZikolo eZizimeleyo (Norms and Standards Funding for Independent Schools). Zonke izikolo ezizimeleyo ezifaka izicelo zoncediso-mali ngokomgaqo-nkqubo weZimiselo neMIgangatho ziyalufumana uncediso-mali, ukuba xa ziselungelweni lokulufumana.
Inkcazo ngoncedo olunikwayo. Iphezulu kakhulu impumelelo yabafundi kwizikolo zemfundo eyodwa. Izikolo ezihlanu zifikelele kwizinga le-100% ngempumelelo yabafundi. Eli zinga lingaphaya kwamazinga ezikolo zesiqhelo. Abafundi beZiko zeZakhono bakholisa ukuyifumana lula imisebenzi kunabo bakwezinye izikolo zemfundo eyodwa, kanti nabo bakwizikolo zesiqhelo. Kambe ke izinto ezifana nemeko ekuyiyo ngoku kwezoqoqosho nokungafumaneki kwengqesho, zinegalelo elikhulu ekudodobaliseni. Zonke izikolo zikarhulumente ezizodwa zibonelelwa ngenkxaso-mali ngokujonga ulwabelo ngomfundi ngamnye oluthathela ingqalelo amanani abafundi nangobungakanani beendidi ezithile zokhubazeko. Olu lwabelo lubandakanya nenkxaso-mali ye-LTSM, izinto zoncediso kukhubazeko nokulungiswa kwezakhiwo ngeenjongo zokubonelela ukuhamba kwabantu abakhubazekileyo, kwakunye nokubonelela ngezinto zothutho ezilungiselelwe abakhubazekileyo. Kananjalo inkxaso-mali yabancedisa kumagumbi okufundela nabaqhubi beebhasi yabelwa izikolo ngokoncediso-mali ngomfundi ngamnye ngokwemiqathango yomgaqo-nkqubo.
Inkcazo ngoncedo olunikwayo. Ukuthabatha kwabantu abadala inxaxheba kuza kwanda njengokuba kusiya kuqaliswa ngoqeqesho lwasemsebenzini olongezelelekileyo nje, xa kuthathwa ukuba wonke umntu ongaphezu kweminyaka yobudala engama-21 ngumntu omdala. Iikholeji ze-FET zibonelelwa ngokunikwa ootitshala abakhethwa ngokwesikhokelo esiyiPost Provisioning Model, abasebenzi abangezotitshala nangoncediso-mali lweentlawulo zobuhlali neerhafu, ngokwuthengwa nokuphuhliswa kwezibonelelo ezilulwakhiwo kwakunye nolunye uncediso-mali nje olujoliswe kwizinto (ezithile).
Inkcazo ngoncedo olunikwayo. Inkxaso-mali enikwa amaziko okufunda asekuhlaleni emfundo noqeqesho lwabadala (ABET CLCs) ibalwa ngokusebenzisa indlela yokubekwa kweemfuno zolawulo nolwabelo lwe-LTSM, kuthathelwa ingqalelo amanani abafundi benqanaba le-ABET nele-FET kwimimandla yasezidolophini nakwimimandla yasemaphandleni.