Inkcazo yamanyathelo acetywayo okuphucula umgangatho Izibonelo Zemigomo

Inkcazo yamanyathelo acetywayo okuphucula umgangatho. Urhulumente wephondo, kwisithuba esiphakathi kuka-2005 – 2010 uza -• kuqinisekisa ukuba bonke abantwana abaneminyaka emihlanu kweli phondo leNtshona Koloni babhalisile kwiBanga R• kuqinisekisa ukuba iziphumo zemfundo ze-NCS ziyafundiswa kwaye ziyafikelelwa kuwo onke amabanga R (kuya kuqhutywa iimvavanyo zokukhangela ukukulungela kwabantwana ukuya kuqala isikolo)• kubonelela ngezincedisi-mfundo zokuxhasa ukufundisa amabanga R e-NCS kuzo zonke iindawo ezinebanga R• kuqinisekisa ukuba bonke ootitshala be-ECD bayaqeqeshwa banikwe nenkxaso ekufundiseni ibanga R le-NCS• kuqinisekisa ukuba bonke abafundi “abasokolayo” bayabonwa, zize nezo zinto zizizithintelo zemfundo yabo zinikwe ingqwalaselo ngamaqela enkxaso asezikolweni nasezithilini• kuqinisekisa ukuba zonke iindawo ziza kutyelela kuqinisekiswe ukhuseleko lwabafundi nomgangatho wenkonzo abayinikwa, qho emva kweminyaka emithathu
Inkcazo yamanyathelo acetywayo okuphucula umgangatho. Ukugqiba kwabafundi imfundo yabo ezikolweni ezizimeleyo ezifumana uncediso-mali kubekwa iliso elingqongqo, luze ke uncediso-mali luhlengahlengiswe ngokufanelekileyo.
Inkcazo yamanyathelo acetywayo okuphucula umgangatho. Amanyathelo asoloko eqhutywa ngokuphathelele kuqeqesho lwamalungelo amaqela olawulo lwezikolo (SMT) abandakanya ikharityhulam, ukuziphatha, amakhosikazi akwiindawo zobunkokeli, izilungiso ezisandula ukwenziwa emithethweni nezigqibo ezityikityiweyo.