Uvandlakanyo lwemeko Izibonelo Zemigomo

Uvandlakanyo lwemeko. Iikholeji ze-FET ezilishumi elinesithathu ziye zadityaniswa zangamaziko amakhulu amathandathu kwaza kwaqeshwa namagosa alawulayo aziintloko (CEOs) okuba alawule la maziko mathandathu. Kufuneka kunikwa inkxaso okoko kumsebenzi wohlengahlengiso. Kuza kufuneka ngakumbi ukuba kuqulunqwe iinkqubo neendlela zokwenziwa komsebenzi nemisebenzi, kwandiswe nezibonelelo ukulungiselela ukunyuka kwamanani abafundi. Ikharityhulam yeekholeji ze-FET iqulunqwa ngokutsha. Ukusetyenziswa kwekharityhulam entsha kufuna uhlengahlengiso olukhulu kwindlela amiswe ngayo nalawulwa ngayo amaziko e-FET. Amalinge e-WCED kule nkalo onke ajoliswe ekuxhaseni umsebenzi woqulunqo lwekharityhulam nokukusetyenziswa kwayo nohlengahlengiso lwamaziko. Loo malinge ke abandakanya -• Uphuhliso lootitshala: Ukuze kubonelelwe ngezifundo ezikumgangatho ophezulu kufuneka uphuhliso lootitshala oluya kuphucula ulwazi nezakhono kwimathematika, kunxityelelaniswe ulwazi lweenkcukacha zobungcali nemakwenziwe, kubonelelwe ngamathuba okuya kufumana amava emsebenzini, kuphuculwe amazinga emfundo ephunyelelweyo nobungcali boqeqesho. Iprojekthi eyiSupport to Education and Skills Development (SESD) Project exhaswa yiDANIDA iya kunika inkxaso kwimfundo noqeqesho olungqamene nemisebenzi. Iikholeji ziya kufumana ulwazi nezakhono zokuqulunqa izifundo eziqinisekisiweyo.• Izibonelelo ezilulwakhiwo: Uqeqesho kwezobugcisa ngumsebenzi ozifuna kakhulu izinto zokusebenza, ngokohlobo olu lwawo. Iindibano zocweyo ezizodwa ekukhutshwa uqinisekiso ngazo ziyimfuneko enkulu kakhulu kuqeqesho lwabasebenzi oluyimpumelelo. IUkuze iikholeji ze-FET zikwazi ukukhula ngokuphinda-phindeke kahlanu kule minyaka isixhenxe okanye isibhozo izayo, kuya kufuneka lube lukhulu utyalomali kwizakhiwo, kwizinto zokusebenza nakubasebenzi.• Inkxaso yabafundi: lo msebenzi ubandakanya ugayo nobhengezo nokuthathelwa ingqalelo kwamava emfundo yangaphambili, umsebenzi wokufakwa ezikholejini, inkxaso-mali nekxaso ezifundweni nokubekwa emisebenzini nokugcina umkhondo.• Ekufezekisweni kwale misebenzi kuya kusetyenziswa iindlela ngeendlela zokunika iinkonzo ezifana nemfundo yeekhompuyutha, imfundo ngembalelwano, uqeqesho oluqhutyelwa emisebenzini, imisebenzi yezakhono Iprojekthi iDASSIE sisixhobo esingundoqo ekwandiseni ukusetyenziswa kwezi ndlela.
Uvandlakanyo lwemeko. Kungoku nje zili-180 izikolo ezizimeleyo apha eNtshona Koloni. Ezi zikolo zithatha abafundi ngabafundi abasuka kwiimeko zentlalo noqoqosho ezahlukeneyo, kwaye ke zingamahlakani abalulekileyo naxabisekileyo ekunikweni kwenkonzo yemfundo kwiphondo eli. I-WCED ibonelela izikolo ezizimeleyo ezingama-75 ngoncediso-mali, ezibonelela abantwana abahlelelekileyo ngamathuba okufunda kweli phondo. Indlela abayigqiba ngayo imfundo yabo abantwana kwezi zikolo ibekwa esweni kakhulu, luze ke noncediso-mali lulungi-lungiswe ngokufanelekileyo.
Uvandlakanyo lwemeko. IPhepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo weMfundo (Education White Paper) 6 liyacacisa ukuba inkqubo yemfundo eyodwa ifanele kuguqulwa njani na ukuze ibe yeyemfundo noqeqesho ebandakanyayo. Enye yezinto ezicacisa ngokuthe gca yindlela ezifanele kuphuhliswa ngayo izikolo zesiqhelo zibe zizikolo ezinika inkonzo epheleleyo eya kuthi ibabonelele nabafundi abafuna inkxaso ethile; nendlela ezifanele kuphuhliswa ngayo izikolo zemfundo eyodwa zibe ngamaziko ekunokudinjazwa kuwo uncedo zizikolo zesiqhelo; ukusekwa kwamaqela enkxaso ezithilini; nokuphuhliswa kwamaqela enkxaso kumaziko emfundo.
Uvandlakanyo lwemeko. Inkulu kakhulu inxaxheba negalelo le-WCED kwidabi lokulwa nentlupheko nasekwandiseni uqoqosho, njengoko iyiyo ehamba phambili kuphuhliso lwabasebenzi apha eNtshona Koloni. Lo mngeni ke uya kuxhaswa zezi zinto zilandelayo: • uMthetho oyiSkills Development Act;• uNcediso-mali olunemiqathango lwe-HIV/AIDS lokubonelela ngenkxaso yemfundo ye-HIV/AIDS Life Skills ezikolweni, nokuqinisekisa ufikeleleko olufanelekileyo kwinkqubo emanyanisiweyo efanelekileyo nenempumelelo yothintelo, ulondolozo nenkxaso (jonga kuMthetho oyiDivision of Revenue Act);• ukubonelela ngoqinisekiso olugunyazisiweyo noluthembekileyo ngokusebenzisa iimviwo;• ukugaywa kootitshala;• nokubonelela ngesiseko sophuhliso lwazo zonke izakhono