IINKCAZOMALI NENTLAWULO Voorbeeld Klousules

IINKCAZOMALI NENTLAWULO. 13.1 Siza kuthi ngokwezigaba zexesha, ngokuxhomekeke kwindlela oyikhethileyo Wena, sikunike inkcazomali yaKho ngeimeyili okanye ngeselula yaKho. Inkcazomali iza kubonisa zonke iintengiselwano ekutsalwe intlawulo ngazo kwiAkhawunti yeKhadi ukuya kutsho kumhla wenkcazomali. 13.2 Inkcazomali iza kubonisa izixamali ezipheleleyo nezona zincinci emazihlawulwe kuThi, ngomhla okanye phambi komhla oboniswe kwinkcazomali. 13.3 Ukungafunyanwa kwenkcazomali akuniki gunya Wena lokwala okanye ukusilela ukuhlawula nasiphi na isixamali esifanele ukuba sihlawulwe Thina. 13.4 Luxanduva lwakho ukukhangela iinkcazomali zaKho. Kufuneka uSazise ngokusibhalela kwiintsuku ezingama-30 (amashumi amathathu) zomhla wenkcazomali ukuba kukho into Wena ongavumelaniyo nayo. Ukuba Wena awusazisi Xxxxx xxxxx xesha, Sinelungelo lokuthatha inkcazomali njengechanekileyo. Kuza kufuneka ke unike ubungqina bokuba inkcazomali ayichanekanga. 13.5 Ungahlawula nakweliphi na iSebe eliThabatha inxaxheba okanye ngayo nayiphi na indlela yokuhlawula eSinokunxibelelana ngayo naWe kumaxesha ngamaxesha. 13.6 Uza xxxx uzifaka emngciphekweni ngokwakho ngendlela yokuhlawula oyikhethayo kwaye siza kuyibona intlawulo kuphela xa siyifumene sayilungisa kwaye nje ukuba ibe iqinisekisiwe. 13.7 Ukuba iinkcukacha zaKho apho ufumana khona iinkcazomali zaKho ziyatshintsha, kufuneka Wena wazise Thina ukuze kwenziwe utshintsho. Uyaqonda ukuba, ukuba awukwenzi oko, iinkcazomali zaKho ziza kubuyiselwa emva kwaye aSiz' ukuzithumela iinkcazomali ude ube Wena uSinika iinkcukacha ezihlaziyiweyo. 14