Imigaqo-nkqubo, izinto eziphambili ngokubaluleka neenjongo ezicwangcisekileyo. Iinjongo ezicwangcisekileyo zoMsetyenzana 4.1: iZikolo zikarhulumente ezizodwa Inkalo ekujoliswe kuyoInjongo ecwangcisekileyoUkuqinisekisa ukuba bonke abantwana abahlala kweli phondo bafumana imfundo esemgangathweni.• Ukubonelela abafundi ngeendawo ezikolweni zikarhulumente ezizodwa ngokomgaqo-nkqubo• Ukuphucula ukufikelelwa kwezikolo zikarhulumente ezizodwa ngabafundi abavela kwiindawo ezazifudula zisingelwe phantsi.• Ukubonelela abafundi ngenkxaso ngezasemphefumlweni, ezasentlalweni, ezamayeza, ezonyango nokufunda.• Ukukhuthaza imfundo enempumelelo nebandakanyayo kubafundi abaneemfuno zemfundo ezizodwa.• Ukuqinisekisa ukuba liphezulu inani labafundi bezikolo zikarhulkumente ezizodwa abayigqibayo imfundo yabo.• Ukufumana ezona ziphumo zakha zaphezulu kubafundi bezikolo zikarhulumente ezizodwa.Iinjongo ezicwangcisekileyo fzoMsetyenzana 4.2: iiNkonzo zobungcali Inkalo ekujoliswe kuyoInjongo ecwangcisekileyoUkuqinisekisa ulawulo olunempumelelo kuzo zonke iindawo ekufundelwa kuzo nakwizigqeba ezinika inkxaso.• Ukusondeza inkxaso ngolawulo nophuhliso ezikolweni ngomsebenzi wee-EMDCs nangezinye iinkonzo zobungcali.• Ukufezekisa inkqubo epheleleyo nenolingano yokwabiwa kweemali, kwezibonelelo zezakhiwo nabantu bokusebenza kuyo yonke imfundo le.• Ukuphucula ulwazi nezakhono zeenqununu zezikolo ngokusebenzisa inkxaso neqeqesho olujolisekileyo.• Ukuphucula ulwazi nezakhono zezigqeba ezilawulayo ngokusebenzisa inkxaso neqeqesho olujolisekileyo.• Ukuphucula ulawulo lwekharityhulam neenkqubo zokuvandlakanya.• Ukuphucula ulawulo lweemali nophuculo lomgangatho kuwo onke amanqanaba ngokwezikhokelo zomgaqo-nkqubo wephondo nangokwesikhokelo somthetho.• Ukubonelela zonke izikolo zikarhulumente zesiqhelo ngenkxaso yobungcali Iinjongo ezicwangcisekileyo zoMsetyenzana 4.3: uPhuhliso lwabasebenzi Inkalo ekujoliswe kuyoInjongo ecwangcisekileyoUkuxhobisa nokuxhasa ootitshala kumalinge abo okubonelela ngemfundo enempumelelo.• Ukubonelela izikolo zikarhulumente ezizodwa ngootitshala ngokomgaqo-nkqubo.• Ukuqinisekisa ukuba iphondo eli liqesha inani elaneleyo lootitshala abaqeqesheke ngokufanelekileyo.• Ukuxhasa amalinge okugaya abafundi beze kumaziko oqeqesho lobutitshala.• Ukuphuhlisa umgangatho wocikizeko lebutho lootitshala ngokusoloko benikwa inkxaso yobungcali.• Ukuphuhlisa uncedo olunokunikwa ngamajelo eendaba nayitheknoloji (imfundo yekhompuyutha ne-ICT) ngenjongo yokuphucula umsebenzi wokufundisa nokufunda nokuxhasa ikharityhulam.• Ukuxhobisa ootitshala ngenjongo yokuqinisek...
Imigaqo-nkqubo, izinto eziphambili ngokubaluleka neenjongo ezicwangcisekileyo. Injongo ecwangcisekileyos for Umsebenzi 3: Independent school subsidies Inkalo ekujoliswe kuyoInjongo ecwangcisekileyoUkuqinisekisa ukuba bonke abantwana abahlala kweli phondobafumana imfundo esemgangathweni.Ukuxhasa izikolo ezizimeleyo ezikhonza iindawo ezihluphekileyo zincedisa kwimfundo yezikolo zikarhulumente.