Amakhonkco oqhagamshelwano noomasipala. I-WCED iyasebenzisana neSixeko seKapa ngokuphathelele kuMsebenzi woPhuculo lweMimandla yaseZidolophini (Urban Renewal Programme (URP)) noMasipala woMbindi Karoo malunga noMsebenzi woPhuhliso oluManyanisiweyo lweMimandla yaseMaphandleni (Integrated Sustainable Rural Development Umsebenzi (ISRDP)). Injongo yayo yomibini le misebenzi kukusebenza ngobambiswano nangendlela enxibelelanisiweyo namanye amasebe karhulumente noerhulumente kwiphulo lokulwa nentlupheko ngokuthi kuphuhliswe kuphuculwe izakhono zabantu abangaphangeliyo. Ziye zaqhutywa iingxoxo phakathi kwe-WCED neSixeko seKapa ngokuphathelele kule miba –▪ ungqamaniso lwephulo le-HIV/AIDS and Lifeskills.▪ ungqamaniso lwamalinge eli Sebe e-ICT namalinge eSmart Cape.▪ ukwamkelwa kwezicwangciso zozinziso (iCandelo loCwangciso lweeDolophu -Town Planning).