Amakhonkoco oqhagamshelwano phakathi kwamasebe. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liza kukhokela kuxanduva lokuqulunqwa, ukusetyenziswa nokubekwa iliso kweSicwangciso esiliQili soPhuhliso lwaBasebenzi sephondo. Kambe ke indlela omkhulu ngayo lo msebenzi ifuna ukuba onke amasebe karhulumente, kumaphondo nakulawulo lweedolophu, akuxhase, afake igxalaba ekusetyenzisweni kwesi Sicwangciso siliQili. AMasebe aphambili abandakanya iSebe lezeMpilo, iSebe lezeNtlalo noNciphiso lweNtlupheko, uKhuselekoloLuntu neSebe lezoThutho neMisebenzi yakwaRhulumente. Ngaphezulu, amahlakani asekuhlaleni, ayimibutho yabezoshishino neyasekuhlaleni, ngeKhansile yoPhuhliso yePhondo (Provincial Development Council), anenxaxheba enkulu kakhulu ekusukulweni nasekusetyenzisweni kwe-HRDS. Zibanjwa qho iintlanganiso neengxoxo neSebe lezeMfundo leSizwe kwakunye namanye amasebe emfundo amanye amaphondo ngokuphathelele kumba womgaqo-nkqubo wemfundo. Zikwaqhutywa qho iingxoxo namanye amasebe karhulumente (angengowemfundo) kuxulushwa umcimbi wentsebenziswano, ngakumbi neSebe lezeMpilo (HIV/AIDS and lifeskills), eloKhuseleko loLuntu (iProjekthi yeZikolo Ezinokhuseleko neProjekthi yaMagosa Okuxhasa Abafundi yokunciphisa ukungayiwa kwesikolo nezenzo zobunjubaqa), eloPhuhliso loQoqosho noKhenketho (ifestivali eyi Learning Cape Festival namacandelo okukhuliswa koqoqosho) elezoThutho neMisebenzi yakwaRhulumente (iiprojekthi zolwakhiwo ezinkulu nolondolozo). Qho ngekota kuhlalwa iintlanganiso nekomiti yonxibelelaniso ye-ISLP malunga nokubonelelwa kwezikolo ngezakhiwo kwezo ndawo zazifudula zisingelwe phantsi. Kananjalo zihlalwa qho iintlanganiso namanye amasebe akwarhulumente malunga nomba woPhuhliso oluNabileyo oluManyanisiweyo ( Integrated Holistic Development).