Imigaqo-nkqubo, iindawo eziphambili ngokubaluleka neenjongo ecwangcisekileyo Izibonelo Zemigomo

Imigaqo-nkqubo, iindawo eziphambili ngokubaluleka neenjongo ecwangcisekileyo. Inkulu kakhulu inxaxheba negalelo le-WCED ekucebeni nasekuqhubeni iSicwangciso esiliQili soPhuhliso lwaBasebenzi, njengoko libonelela ngale misebenzi mibini:▪ I-GET esisiseko ekumiselwa phezu kwaso lonke uphuhliso lwabasebenzi (HRD) kweli phondo; kunye▪ ne-FET ebonelela ngamathuba okuphucula izakhono nolwazi oluyimfuneko yomsebenzi nokuthatha inxaxheba kuqoqosho. Imfuno ephambili yeSicwangciso esiliQili soPhuhliso lwaBasebenzi (HRDS) bubukho bootitshala abaqeqesheke ngokupheleleyo nangokufanelekileyo, ngakumbi abo bafundisa imathematika nezenzululwazi. Abafundi abanqwenela ukungena kulo msebenzi wobutitshala bayazinikwa iibhasari ezichongiweyo zokuqhuba izifundo zabo. Ezo bhasari ke zinikwa abafundi abanqwenela ukungena kwezo nkalo zithe zafunyaniswa ngophando ukuba zezona zifuna ukongezelwa ootitshala.Enye yezinto eziyimiqobo emibi kuphuhliso lwabasebenzi apha eMzantsi Afrika ngubhubhani i-HIV/AIDS pandemic. I-WCED iya kuthi ithathe inxaxheba ebaluleke kakhulu ekuqinisekiseni ukuba bonke ootitshala nabafundi banalo ulwazi neenkcukacha nge-HIV/AIDS. ▪ Intlupheko ngomnye umqobo ombi olubeka emngciphekweni uphuhliso lwabasebenzi. Ngenjongo yokukhawulelana nezinye zeziphumo zentlupheko i-WCED iye yasungula isikim smali-mboleko yemfundo yeekholeji ze-FET (FETCollege Loan Scheme). Iinjongo ezicwangcisekileyo zoMsetyenzana 8.1: iiNtlawulo ze-SETA Inkalo ekujoliswe kuyoInjongo ecwangcisekileyoUkubonelela ngophuhliso lwabasebenzi ngokwezikhokelo zoMthetho oyiSkillsDevelopment Act.Ukuxhasa iphulo eliyi- Education Training and Development Practices (ETDP) ne-SETA ngokuphathelele kulawulo lwecandelo eli. Iinjongo ezicwangcisekileyo zoMsetyenzana 8.2: iiProjekthi zoncedo-mali olunemiqathango Inkalo ekujoliswe kuyoInjongo ecwangcisekileyoUkubonelela ngemfundo ye-HIV/AIDS Life Skills ezikolweni ngenjongo yokuqinisekisa ukuba inkqubo enxityelelanisiweyo yothinteloulondolozo nenkxaso iyafikeleleka kwaye inempumelelo• Ukuqeqesha nokuxhasa ootitshala khona ukuze bakwazi ukufundisa nge-HIV/AIDS Life Skills kwizikolo zaseprayimari nezasesekondari ngokusebenzisa iKharityhulam: Life Skills/Life Orientation nokubandakanywa kwemfundo nge-HIV/AIDS kuzo zonke izifundo.• Ukubonelela ngoqulunqo, ukhetho, uguqulo, ukuthengwa nokuhanjiswwa kwezincedisi-zifundo zokunika inkxaso ekufundiseni nge-HIV/AIDS kumagumbi okufundela.• Ukuqulunqa nokuqhuba umsebenzi wokufundisana onempumelelo nocwangciseke kakuhle wanxityelelaniswa phakathi kolutsha ezikolweni nakwiikholeji ze-FET• Ukuqinisekisa ...