Injongo yomsebenzi. Ukubonelela ngolawulo nenkxaso yemfundo ngokubanzi. Umsebenzi ubandakanya le Misetyenzana ilandelayo:iOfisi yoMphathiswa wePhondoo ukuqinisekisa ukuba i-ofisi yoMphathiswa wePhondo (MEC) iyasebenza iiNkonzo eziManyanisiweyoo ukubonelela ngeenkonzo zolawulo ezingajoliswanga kwimfundo kuphela uLawulo lwemfundoo ukubonelela ngeenkonzo zolawulo lwemfundo uPhuhliso lwabasebenzio ukubonelela abasebenzi abasebenza kwi-ofisi elikomkhulu ngophuhliso
Injongo yomsebenzi. Ukuxhasa izikolo ezizimeleyo ngokwezikhokelo zoMthetho South African Schools Act, 1996. Umsebenzi woncediso-mali lwezikolo ezizimeleyo unale misetyenzana ilandelayo:iSigaba saseprayimario ukuxhasa izikolo kumabanga 1 ukuya kwele-7 iSigaba sasekondario ukuxhasa izikolo ezizimeleyo kumabanga 8 ukuya kwele-12
Injongo yomsebenzi. Ukubonelela ngemfundo karhulumente kwizikolo ezizodwa ngokwezikhokelo zoMthetho oyi-South African Schools Act, 1996 nePhepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo 6 ngemfundo ebandakanyayo. UMsebenzi wezikolo zikarhulumente zemfundo eyodwa unale misetyenzana ilandelayo:Izikoloo ukubonelela ngemfundo yezikolo zikarhulumente zemfundo eyodwa Iinkonzo zobungcalio ukubonelela izikolo zikarhulumente zemfundo eyodwa ngenkxaso Uphuhliso lwabasebenzio ukubonelela ngobungcali bophuhliso lootitshala nabo bangezozittishala kwizikolo zikarhulumente zemfundo eyodwa
Injongo yomsebenzi ukubonelela nge-FET kwiikholeji ze-FET zikarhulumente ngokwezikhokelo zoMthetho oyi Further Education and Training Act, 1998. Lo Msebenzi we-FET unale misetyenzana ilandelayo:Amaziko karhulumenteo ukubonelela iikholeji ze-FET zikarhulumente ezithile ngezinto zokusebenza Iinkonzo zobungcalio ukuxhasa iikholeji ze-FET zikarhulumente Uphuhliso lwabasebenzio ukubonelela ngophuhliso lobungcali lwabo baziititshala nabangezotitshala kwiikholeji ze-FET zikarhulumentes
Injongo yomsebenzi. Ukubonelela ngemfundo ye-ABET ngokwezikhokelozoMthetho oyi-Adult Basic Education and Training Act, 2000. Umsebenzi we-ABET unale misetyenzana ilandelayo:Uncediso-mali lwamaziko azimeleyoo ukuxhasa amazikoathile azimeleyo e-ABET ngoncediso-m iiNkonzo zobungcalio ukuxhasa iindawo eziqhuba imfundo ye-ABET uPhuhliso lwabasebenzio ukubonelela ngobungcali bophuhliso lootitshala nabo bangezozittishala kwiindawo zemfundo ye-ABET
Injongo yomsebenzi. Ukubonelela nge-ECD kwiBanga R ngokwezikhokelo zePhepha leNgcaciso yoMgaqo-nkqubo 5. Umsebenzi we-ECD unale misetyenzana ilandelayo:iBanga R kwizikolo zikarhulumenteo ukubonelela izikolo zikarhulumente ezithile ngezincedisi-mfundo eziyimfuneko kwiBanga R iBanga R kumaziko asekuhlalenio ukuxhasa amaziko asekuhlaleni athile kwinqanaba leBanga R Iinkonzo zobungcalio ukuxhasa izikolo ze-ECD Uphuhliso lwabasebenzio ukubonelela ngophuhliso lootitshala nabo bangezotitshala kwizikolo ze-ECD
Injongo yomsebenzi. Ukubonelela amaziko emfundo ngokubanzi ngenkxaso. Umsebenzi weenkonzo zoncediso nezinxulumene nazo unale misetyenzana: iiNtlawulo ze-SETAo ukubonelela ngophuhliso lwabasebenzi ngokwemiqathango yoMthetho oyiSkills Development ActiiProjekthi zoncediso-mali olunemiqathangoo ukubonelela ngeeprojekthi ezichongwe liSebe leMfundo lesizwe ezichaphazela imisebenzi engaphezulu kumsebenzi omnye nezinikwa inkxaso-mali ngoncediso-mali olunemiqathangoiiMviwo zangaPhandleo ukubonelela ngeenkonzo zeemviwo ezilawulwa liSebe eli uQeqesho lootitshalao ukuncedisa ngootitshala abaqeqesheke ngokufanelekileyo nabawaziyo umsebenzi wabo iKapa elihlumayoo ukuncedisa ekusekeni ibutho labantu bokusebenza