Uvandlakanyo lweengxaki namanyathelo acetywayo okuzisombulula Izibonelo Zemigomo

Uvandlakanyo lweengxaki namanyathelo acetywayo okuzisombulula. Ukunqongophala kwemali yeyona ngxaki inkulu. Kwamanye amaphondo ukuhla kwamanani abafundi baseziprayimari aza kuvumela ukuba ukunyuka kwamanan kwibanga R. Ukufudukela kwabantu kwiPhondo leNtshona Koloni kuthetha ukuba eli Sebe lona alinakuba nakho ukuthatha le ndlela. Ukufikeleleka kweendawo ezisemaphandleni nezikude kuseyingumngeni ezijongene nawo ii- EMDCs.
Uvandlakanyo lweengxaki namanyathelo acetywayo okuzisombulula. Abafundi bee-CLC abafani nabafundi abasezikolweni okanye ababhala iimviwo zesiqhelo kuba bona abakwazi ukuba bafumane iziqinisekiso ze-GETC ngokuhlalela uviwo olunye nje kuphela kwinqanaba 4 le-ABET. Abafundi baye baqinisekiswe impumelelo kwizifundo abazigqibileyo kwisithuba esiyiminyaka emibini ukuya kwemithathu ubuncinane. Uthi ke umfundi asakuba ezifezekisekile iimfuno ezili-120 abe nokukwazi ukunikwa i-GETC sisigqeba UMALUSI. Ngeso sizathu ke amanani eziqinisekiso ze- GETC ezikhutshiweyo (abona bagqibileyo) aphantsi xa kuthelekiswa neenkalo ebekujoliswe kuzo. Kananjalo, iziqinisekiso zokuphumelela izifundo ezithile zikhutshwa kuphela basakuba abafundi bezigqibile ezo zifundo.
Uvandlakanyo lweengxaki namanyathelo acetywayo okuzisombulula. Ukumanyaniswa kwamanyathelo ngamanyathelo ekuqalisiweyo ngawo kuqinisekiso lomgangatho noxanduva lokuphendula kunguwona mngeni mkhulu lijongene nawo iSebe leMfundo leNtshona Koloni. Kubalulekile ukuqinisekisa ukuba la manyathelo akhokelela kuphuculo lokufundisa nokufunda, angabonwa njengezinto eziyimfezeko yeenjongo ngobukho bawo nje.
Uvandlakanyo lweengxaki namanyathelo acetywayo okuzisombulula. Izikolo ezizimeleyo ezimbalwa zinenkqubo embi kakhulu kuvandlakanyo olucwangisekileyo kumabanga 3 ukuya kwele-6 nakwibanga le-12. Kananjalo zininzi izikhalazo ezifikayo ezivela kubafundi nakubazali. I-WCED iceba ukuba iziqwalasele ngqongqo iimeko zezi zikolo, iqinisekise ukuba ziyatshitshiswa ukuba ngaba ziyasilela ekunikeni imfundo esemgangathweni.
Uvandlakanyo lweengxaki namanyathelo acetywayo okuzisombulula. Liya lisanda ngokwanda inani labafundi abathunyelwa kwiziko zikarhulumente ezizodwa ngenxa yokuba benengxaki yezinto ezithintela ukufunda kwabo. Eyona mfuno inkulu kukubekwa kwabafundi kumaziko olutsha nakwizikolo zezakhono. Kuqwalaselwa umcimbi wohlengahlengiso lweenkonzo ngeenjongo zokukhawulelana neemfuno zeSebe leMfundo leNtshona Koloni.
Uvandlakanyo lweengxaki namanyathelo acetywayo okuzisombulula. Kuya kusiba nzima ngokuba nzima ukutsala ootitshala abasemgangathweni ophezulu naabazinikelayo emsebenzini wabo ukuba bangene kulo msebenzi wobutitshala. Izizathu zale meko akukho lula ukuzichaza kwaye zidibanisa izinto ezininzi eziphathelele kwindlela ebonwa ngayo imfundo nakumathuba elunawo ulutsha olugqibileyo ukufunda, apha eMzantsi Afrika nakwamanye amazwe. ISebe eli liye lasungula iphulo lokugaya ootitshala ngobambiswano naMaziko eMfundo ePhakamileyo alapha. Eli phumelelo liye laba nempumelelo, kwaye ke kule minyaka mihlanu izayo aza kuqiniswa amalinge eli phulo. Bambalwa kakhulu ootitshala bezifundo zocebiso ngemisebenzi nezifundo ezinokulandelwa abaseleyo kweli Sebe. Loo nto ke ithetha ukuba kufuneka kuqalwe ekuqaleni ukugaya ootitshala ukuba bangene kulo msebenzi ubaluleke kangaka ufuna abantu abanezakhono. Akuzi kuba lula ukuyenza le nto. ISebe leMfundo leNtshona Koloni liye laqulunqa iphulo leminyaka emithathu lokuphuhlisa izakhono zootitshala bokufundisa ngeendlela zokuziphilela kwizifundo zocebiso ngemisebenzi nezifundo ezinokulandelwa. IAkubanga lula ukusekwa kweenkqubo ezifanelekileyo nolawulo lwesikim semali-mboleko yokufunda kwiikholeji ze-FET (FET College Loan Scheme). ISebe eli liye laba nothethwano nentsebenziswano ne-NSFAS, kwaye sele libusebenzisa ubuninzi bezi nkqubo. Kananjalo, abafundi abahluphekileyo baye baba nokuyikrokrela le nto yokukhutshwa kwemali-mbolekoyokufunda. ISebe eli ke liye lanyanzeleka ukuba lilijike igama lesi sikim lithi sisikim soncediso ngemali ngemali, nokuba lingene kwiphulo eliqinileyo lokwazisa nokucacisa ngesi sikim.