ISEBE LEZAMAHLATHI, EZOKULOBA NEZENDALO
ISEBE LEZAMAHLATHI, EZOKULOBA NEZENDALO
UMGAQONKQUBO OQULUNQWAYO NGOLWABELO NOLAWULO LWAMALUNGELO OKULOBELA EZORHWEBO KWISHISHINI LEZOKULOBA LEKWAZULU-NATAL CRUSTACEAN TRAWL: 2021
LO MGAQONKQUBO UQULUNQWAYO KUFUNEKA UFUNDWE KUNYE NOMGAQONKQBO JIKELELE OQULUNQWAYO NGOLWABELO LWAMALUNGELO OKULOBELA EZORHWEBO: 2021 KUNYE NOMGAQONKQUBO OQULUNQWAYO WOKUDLULISELWA KWAMALUNGELO OKULOBELA EZORHWEBO:2021
(ifumaneka apha xxx.xxxxxxxxxxx.xxx.xx)
(In case of any inconsistency, the English text of the Gazetted Draft Policy will prevail).
ITHEYIBHILE YEZIQULATHO
2. Iprofayili yeshishini lezokuloba 3
3. Inkqubo yolwabelo lwamalungelo okuloba yexesha elide yangaphambili 8
4.1 Iinjongo zolwabelo lwamalungelo okuloba kwicandelo lezokuloba zezi: 8
INXENYE B: INKQUBO YOLWABELO LWAMALUNGELO OKULOBELA EZORHWEBO 9
5. Ukunikwa kwamalungelo okuloba 9
5.1. Uhlobo lwabaNini bamaLungelo 9
5.2. Isithuba sexesha samalungelo 9
5.3. Ubandakanyeko kumacandelo amaninzi 9
5.4. Ukudluliselwa kwamaLungelo awaBelweyo ngokwayamene nalo Mgaqonkqubo 10
6. Ukuqingqwa kweenqanawa zokuloba kunye nabaqalayo ukungena 10
7. Iindlela zokuhluza zokuvavanya 11
7.1. Iindlela zokuhluza zokubekelwa bucala 11
7.1.2.Ubumnini bemvume ngokwamaphepha 11
7.1.3.Ukukhohlisa ngokobumnini 11
7.2. IiNdlela zokuhluza zozinziso lothelekiso 12
7.2.1. Indlela ekusetyenzwa ngayo ekulobeni (Kubhekiselelwe kubafakizicelo boDidi A) 12
7.2.2.Amava okuloba nolwazi (Kubhekiselelwe kubafakizicelo boDidi B no-C) 12
7.2.3. Iinqanawa zokuloba ezifanelekileyo (Kubhekiselelwe kubafakizicelo boDidi B no-C) 12
7.2.4.Ukuthobela (Kubhekiselelwe kubafakizicelo boDidi A no-B) 13
7.2.5.Utyalomali kwishishini lezokuloba (Kubhekiselwa kubafakizicelo boDidi A, B no-C) 13
7.2.6. Utshintsho (Kubhekiselelwe kubafakizicelo boDidi A, B no-C) 14
7.2.7.Ukudalwa kwamathuba emisebenzi kunye nemiqathango yengqesho (Kubhekiselelwe kubafakizicelo boDidi A, B no-C) 15
INXENYE C: XXXXXXXXXXX XXXXXXX 16
8. Inkqubo yobudlelane bezidalwa nokuzingqongileyo kumashishini ezokuloba 16
10. Ukudluliselwa kwamaLungelo okuLobela ezoRhwebo kunye/okanye iZabelo kunye/okanye amaGunya oLawulo amaLungu 17
11. Imiqathango yamaphephamvume 17
12. Ukubekwa iliso nokuvavanywa koMgaqonkqubo 17
INXENYE A: INTSHAYELELO
1. Intshayelelo
Lo mgaqonkqubo wolwabelo nolawulo lwamalungelo okulobela ezorhwebo kwishishini lokuloba leKwaZulu-Natal Crustacean Trawl (‘ishishini lezokuloba”) ukhutshwa nguMphathiswa onoxanduva lwezamaHlathi, ezokuLoba nezeNdalo (“uMphathiswa”) kwaye kuza kubhekiselelwa kuwo ngolu hlobo “UMgaqonkqubo weShishini lezokuLoba leKwaZulu-Natal Crustacean Trawl: 2021”. Lo mgaqonkqubo weKwaZulu-Natal Crustacean Trawl: 2021 kufuneka ufundwe kunye noMgaqonkqubo Jikelele: 2021 ngoLwabelo lwamaLungelo okuLoba (“uMgaqonkqubo Jikelele: 2021") kunye noMgaqonkqubo wokuDluliselwa kwamaLungelo okuLobela ezoRhwebo: 2021 ("uMgaqonkqubo woDluliselo: 2021”).
UMphathiswa, ngokwayamene necandelo 79 loMthetho wooVimba abaPhila eLwandle (Marine Living Resources Act) 18 ka-1998 (“i-MLRA”), unikezele ngamandla okunika amalungelo okulobela ezorhwebo akwicandelo 18 kwigosa eliyintloko leSebe lezamaHlathi, ezokuLoba nezeNdalo (“iSebe”).
UMgaqonkqubo weShishini lezokuLoba leKZN Crustacean Trawl: 2021 wandlala iinjongo, iindlela zokuhluza kunye neengcamango eziza kukhokela ulwabelo lwamalungelo okuloba kwishishini lezokuloba. Lo mgaqonkqubo uza kukhokela ugunyaziwe otyunjiweyo ekuthatheni izigqibo ngezicelo kweli shishini lezokuloba.
2. Iprofayili yeshishini lezokuloba
2.1. Inkcazelo yeshishini lezokuloba
Ukuloba ngomnatha kwakusenziwa ngokunqaphazekayo ukuya kutsho kweyoo-1960 ekuthe emva koko kwalicandelo eliye laba ngokusesikweni elibandakanya malunga neenkampani ezili-12 kunye neenqanawa zokuloba ezingama-21; uninzi lwazo olwaluloba eMozambique. Iinkcukachamanani zarhoqo zaqokelelwa ukusukela kowe-1988 ukuya phambili.
Ishishini lezokuloba limi KwaZulu-Natal kwimimandla yokuloba ngomnatha omkhulu onentlenge ethambileyo (isanti/udaka). Ibandakanya iinxenye ezimbini ezizezi (1) ummandla wamanzi ongekho nzulu okufutshane nonxweme (20-50m) kuDonga lomlambo iThukela kunye nommandla omncinanana omi kude nenyoba yeChweba iSt Lucia; kunye (2) nommandla wamanzi onzulu okude nonxweme (200-500m) omalunga nama-1750km2 KwaZulu-Natal Bight enabela ukusuka
kumntla weCape Xxxxx ukuya kumzantsi weAmanzimtoti.
Ishishini lezokuloba kumanzi angekho kwindawo enzulu lijolise kwipenaeid prawn, ngokuphambili kwiprawn emhlophe (iPenaeus indicus), kunye neprawn emdaka ngebala (iMetapenaeus monoceros) netiger prawn (i-P. monodon). Ichweba iSt Lucia ngummandla wendawo ekukhuliswa kuyo izidalwa yezi zidalwa kwaye ubuninzi beeprawn ezifumaneka kumanzi akwindawo engekho nzulu buxhomekeke kwiindlela ekunetha ngazo kunye nempembelelo yazo ekugungxuleni kwamachweba apho kukhula khona imibungu kunye namantshontsho eeprawn. Xxxxxxx xxxxxxx, iChweba iSt Lucia liye lavalwa kwi-Indian Ocean ukusukela kowe-2002 okuthe kwakhokelela ekuncipheni kwezitokhwe zepenaeid prawn, ngako oko okulotywa kwishishini lezokuloba kumanzi akwindawo engekho nzulu kuye kwasilela kwiminyaka xxx-15 edlulileyo. Ngaphambili umnatha omkhulu kumhlaba wamanzi ongekho nzulu kuDonga lomlambo iThukela wavalwa iinyanga ezimbini enyakeni, phambi kokuba wandiselwe kwiinyanga ezi-6 (Septemba ukuya kuFebhruwari), ukunciphisa ukulotywa kweentlanzi ekungajongwanga kulotywa zona okujolise kwicandelo lelinefish. Ukumiselwa koMmandla oKhuselweyo waseLwandle iThukela (i-MPA) ngowe-2019, okuquka iThukela Bank kwaye kuthintela ukusetyenziswa komnatha omkhulu wokuloba kuyo xxxxx imimandla yale MPA, kuvale ngokululutho inxenye yendawo yamanzi engekho nzulu kufutshane nonxweme yeli shishini lezokuloba.
Umfanekiso 1. Indawo yeminatha emikhulu eyamiselwa phakathi kowe-2014 nowe-2020. Ii-MPA ezijikelezileyo kunye nommandla ofanelekileyo wokuloba ngomnatha omkhulu zibandakanyiwe.
Ishishini lezokuloba kwindawo yamanzi enzulu liloba iiprawn ezipinki (iHaliporoides triarthrus), ilangoustine (iMetanephrops mozambicus), unonkala obomvu onezikere ezimhlophe (iChaceon macphersoni) kunye nenkala yamatye efumaneka kwinzulu yamanzi (iPalinurus delagoa).
Okulotywayo akunakuqinisekiswa kwaye amazinga okulotywa kwezidalwa ezizodwa okanye amaqela ezidalwa kuyatshintshatshintsha ngokubanzi; ngamanye amaxesha ngenxa yenani leenqanawa eziloba ngokuzimisela nokuloba okujoliswe kwizidalwa ezithile, kunokutshintshatshintsha kubuninzi bukavimba.
Xxx shishini lezokuloba lilawulwa ngokusebenzisa isicwangcisoqhinga soMgudu oSetyenziswayo uwoNke (“i-TAE”), okuthi kuthintele inani leenqanawa ezivunyelwayo ukuloba kwimimandla yokuloba ekufutshane nonxweme kunye nekude nonxweme. Phakathi kowe-1991 nowe-2005, isithintelo se-TAE samiselwa kwiinqanawa zokuloba ezisi-8, ezi-4 kufutshane nonxweme nezi-4 kude nonxweme. Ngowe-2006 i-TAE yehla yaziinqanawa zokuloba ezisi-7 apho isemi khona, ezi- 2 zithintelwa ukuya kude nonxweme kwaye ezi-5 zivunyelwa ukuloba kufutshane nonxweme nakude nonxweme.
Xxx shishini linesidingo senkunzi eninzi kwaye iziseko zalo, ukumaketha nokunatyiswa kwemveliso konganyelwa ziinkampani ezimbini ezimiselweyo. Ishishini xxx lifuna iinqanawa zokuloba ngomnatha omkhulu ezikhethekileyo nezixhobo ngokunjalo kwaye lifanele ukulobela ezorhwebo kuphela. Imimandla yokuloba imi kwithala lelizwekazi elingaphantsi kwamanzi olwandle loMzantsi Afrika kwaye iinqanawa zokuloba zamanye amazwe azivunyelwa ukuba zithabathe inxaxheba kweli shishini lezokuloba. Iinqanawa ezi zezirhuqa umnatha kumva wenqanawa okanye iinqanawa zokuloba ngomnatha omnye ngelixa ezinye iinqanawa eziloba kwindawo yamanzi engekho nzulu zisebenza ngeentsika ezigcina iseyile ivulekile ezineminatha emi-2, 3 okanye 4 ngexesha elinye. Ubungakanani beminatha emikhulu bumalunga nama-25 ukuya kuma-72-eemitha ngokobude be- footrope, nobungakanani obuncinanana obungama-50mm eminatha elinganiselwa ngokomlinganiselo wesantya senqanawa ukuya kwesinye. Ukuloba ngenqanawa kuqhubeka iiyure ezingama-24, ngezantya zomlinganiselo wesantya senqanawa ezibini ukuya kwezithathu kunye nexesha lokurhuqa leeyure ezine. Iinqanawa zokuloba zithwala malunga nabasebenza ngaphakathi kuyo abali-15 - 18 kwaye ingahlala elwandle iiveki ezimbini ukuya kwezintathu ngexesha. Ngenxa yokuba kulungiswa okuninzi kusenzeka elwandle, iziseko eziselunxwemeni zimbalwa.
Njengamanye amashishini ezokuloba iprawn ngomnatha omkhulu ehlabathini, izixhobo zokuloba azikhethi kwaye izehlo zokuloba izidalwa ekungajoliswanga kuzo kuphezulu. Okulotyiweyo
(ubungakanani bokulotywe kungajongwanga kulotywa kona) kweshishini lezokuloba kude nonxweme kubandakanya malunga nama-30 eepesenti ezidalwa ekujoliswe kuzo, ama-20 eepesenti ezidalwa ezilotywe kungajongwanga kulotywa zona ezigciniweyo, kunye nama-50 eepesenti ezidalwa ezilotywe kungajongwanga kulotywa kona ezilahliweyo. Izidalwa ezilotywe kungajongwanga kulotywa zona ezigciniweyo ziquka iicephalopod (ioctopus, isquid necuttlefish), iimollusc, nemilinganiselo ebonakalayo yezidalwa zeentlazi ezahlukahlukeneyo. Izidalwa ezilotywe kungajongwanga kulotywa zona ezilahliweyo ezingamantshontsho entlanzi okanye iintlanzi ezincinci, iicrustacean ezilixabiso eliphantsi, iielasmobranche kunye neemollusc) zimalunga nama-1 000 eetoni ngonyaka. Amazinga ezidalwa ezilotywe kungajongwanga kulotywa zona ezilahliweyo ayephezulu kakhulu kwishishini lezokuloba elikufutshane nonxweme kwiThukela Bank; ngoku elivaliweyo ekulobeni ukusukela ekumiselweni kweThukela MPA.
Phambi kokuncipha kwezitokhwe zepenaeid prawn nokumiselwa kweThukela MPA, ukuloba ngenqanawa erhuqa umnatha omkhulu kufutshane nonxweme kwakusenziwa ngamaxesha onyaka athile ngenxa yeenguqunguquko kubuninzi bezidalwa ekujoliswe kuzo ezenzeka ngamaxesha athile onyaka kunye nesigaba sexesha sokuvalwa ngumntu osegunyeni, ngelixa ukuloba ngenqanawa erhuqa umnatha omkhulu kude nonxweme kuqhuba unyaka wonke. Umda phakathi kwamashishini ezokuloba akufutshane nonxweme nalawo xxxxx nonxweme, emi iimayile ezisetyenziswa elwandle ezisixhenxe ukusuka elunxwemeni phakathi kwendlu ephakamileyo enesibane esibonisa iinqanawa indlela yaseSt. Xxxxx (28° 30.9’S 32° 24.0’E) kunye nendlu ephakamileyo enesibane esibonisa iinqanawa indlela yaseGreen Point (30°15.0’S 30° 46.8’E), wawuyimfuneko ukunciphisa umlinganiselo womgudu kummandla wamanzi ongekho nzulu kufutshane nonxweme. Ngenxa yokuvalwa kommandla wamanzi ongekho nzulu ongundoqo okufutshane nonxweme womnatha omkhulu orhuqwa yinqanawa eThukela Bank, umda awusafuneki.
Okulotyiweyo kwahlulwa ngokweendidi zezidalwa, zahlulwa ngokobungakanani, kupakishwe kwaye kukhenkciswe ngokwamaqondo aphezulu elwandle. Lincinci ixabiso elongezwa kummandla osemhlabeni. Iziseko ezizinze kunxweme eziqingqiweyo, ukuquka nendawo yokulala enqanaweni, ukupakishwa kwakhona, indlu yokukhenkcisa kunye neziseko zokumaketha, ezizinze eThekwini. Iimveliso ezikhenkciswayo zithengiswa kwiimakethi zengingqi.
Ixesha lonyaka lokuloba lecandelo leKZN Crustacean Trawl lisuka kumhla woku-1 kuJanyuwari ukuya kumhla wama-31 kuDisemba (oko kukuthi unyaka wonke). Uninzi lomsebenzi wokuloba (ama-73% eeyure zokuloba ngomnatha omkhulu zizonke) kwicandelo ngesigaba sexesha samalungelo angaphambili (ukusuka kowe-2014 ukuya kowe-2020) kungadityaniswa
neenqanawa ezimbini ezaziloba rhoqo ngexesha lonyaka lokuloba ngokuqhelekileyo iinyanga ezili-10 kunye ngokomlinganiselo wesiqhelo ongama->2000 eeyure zokuloba ngomnatha omkhulu ngexesha lonyaka ngalinye. Icandelo libe neenqanawa ezi-3 ezisebenza amaxesha onyaka ama-
4 xxxxx-7, kwaye iinqanawe ezi-2, ezi-4 nezi-5 zisebenza ixesha lonyaka inye. Phakathi kweenqanawa zokuloba e-1 nezi-2 ngamaxesha onyaka athile zikhethe ukuloba eMozambique ngenxenye yexesha lonyaka apho ukusebenza kufumanisa inzuzo khona kunaseMzantsi Afrika.
2.2. Ufundonzulu ngokuphilayo kunye nemibandela kavimba
Iiprawn ezimhlophe (iPenaeus indicus), iiprawn ezimdaka ngombala (iMetapenaeus monoceros) kunye neetiger prawns (iPenaeus monodon) zifumaneka kwiindonga zomlambo zamanzi anodaka ezingekho nzulu kumntla mpuma wonxweme lwaKwaZulu-Natal. IiBamboo prawn (iPenaeus japonicus) ngamanye amaxesha zilotywa ngeminatha emikhulu erhuqwa yinqanawa yemimandla xxxxXx Xxxxx. Ezi zidalwa ziziiprawn zikhula ngokukhawuleza kwaye ziphila unyaka omnye. Amaqanda athwalwa emzimbeni wezo zingamathokazi. Imibungu iqandusela kwisiqingatha sesibini sonyaka, kwaye ihamba ngemisinga ukuya kumachweba olwandle lwaseKZN, apho ihlala ukuya kutsho kwikota yokuqala yonyaka olandelayo ize ikhule ibe ngamantshontsho. Amantshontsho eeprawn ayaphuma kumachweba aze ayokuhlala kwiindonga zomlambo ezinodaka, apho akhula xxx xxxxxx aze azale nawo, ngolo hlobo abe awugqibile umjikelo wobomi.
Izidalwa eziphila kwindawo yamanzi enzulu ziquka iprawn (iknife) epinki iHaliporoides triarthrus, ilangoustines Metanephrops mozambicus, unonkala obomvu wendawo yamanzi enzulu (iChaceon macphersoni), kunye nenkala yamatye yendawo yamanzi enzulu iPalinurus delagoa. Imijikelo yobomi yezi zidalwa iyahluka, kodwa ezinye (ezinje ngenkala yamatye) zikhula kade kwaye ziphila ixesha elide, ezizenza ukuba zibe sesichengeni esingaphaya sokuba zilotywe. Kwaye izidalwa eziphila ixesha elifutshane, ezinje ngepink prawn nelangoustine, ubuninzi bazo buxhomekeke kuhlaziyeko kwaye izehlo zohlaziyeko ezibuthathaka okanye ezisilelayo zinganeempembelelo ezibonakalayo kwishishini lezokuloba. Ngelixa uphando ngofundonzulu ngokuphilayo lweepink prawn neelangoustine lupapashwe ngowe-2013, kuncinci okwaziwayo ngonatyiso, ubuninzi kunye neempawu zembali yobomi zikanonkala obomvu.
Akukho luhlolo lwesitokhwe lusesikweni kweli shishini lezokuloba xxxxx lwaqhutywa oko umfuziselo weSchaefer Surface Production wathi wasetyenziswa ngowe-2008, kusakuqatshelwa ukuba ukuphuculwa okungaphaya kuyafuneka. Kukho idatha yelogbook eninzi efumanekayo enokusetyenziswa kuhlolo lwezitokhwe nangona kukho amanqaku ongqinisiso lofundonzulu ngokuphilayo athile ngezidalwa ekujoliswe kuzo angafumanekiyo.
3. Inkqubo yolwabelo lwamalungelo okuloba yexesha elide yangaphambili
Ngowe-2005/2006 amalungelo okuloba aye abelwa isigaba sexesha seminyaka esibhozo (2006- 2013) kwiinkampani zokuloba ezine ngeenqanawa zokuloba ezisixhenxe zizonke. Ngowe-2014 amalungelo aye abelwa isigaba sexesha seminyaka esixhenxe (2014-2020) kwiinkampani zokuloba ezintandathu, ezintathu zazo eyayizezabafakizicelo ababuyelayo kwakhona ababenamalungelo ukusukela kowe-2006-2013.
Iziphumo zenkqubo yolwabelo lwamalungelo okuloba zowe-2013 zezi zilandelayo:
(a) Ipesenti ye-TAE yabantu abantsundu yayingama-84%;
(b) Izabelo zabantu abantsundu kweli shishini yayingama-84%; and
(c) Ipesenti yobuninizabelo/igunya lamalungu angamabhinqa yayingama-39%.
4. Iinjongo
4.1 Iinjongo zolwabelo lwamalungelo okuloba kwicandelo lezokuloba zezi:
(a) ukwabelwa kwamalungelo abafakizicelo abaxhomekeke kwi-KZN crustacean trawl njengengeniso yabo yomvuzo engundoqo;
(b) isidingo sokulondoloza oovimba abaphila elwandle ukulungiselela izizukulwana zangoku nezexesha elizayo.
(c) isidingo sokusebenzisa iindlela zokulumkisa ngokuphathelele kulawulo nophuhliso
loovimba abaphila elwandle;
(d) Ukuphunyezwa kokusetyenziswa ngokwaneleyo kunye nophuhliso oluzinzileyo ngokuphathelele kufundonzulu ngokuphilayo neendawo okuphila kuzo loovimba abaphila elwandle;
(e) ukulondoloza uzinzo lwezoqoqosho lweshishini lezokuloba;
(f) ukukhuthaza utshintsho, ukwandisa uthabathonxaxheba olululutho (ukwandisa uthabathonxaxheba, ukudalwa kwexabiso, kunye nothungelwano) kunye nohlumo;
(g) ukuphucula umgangatho wemisebenzi ngokukhuthazwa kwengqesho esisigxina nolwabelo lwamalungelo kwii-SMME zabantu abavinjwa amathuba ngaphambili;
(h) ukukhuthaza ukuthobela ubulungisa ngokwezengqesho;
(i) ukukhuthaza intlutha kunye nokuncitshiswa kwendlala;
(j) kukhuthaza ukuba ulutsha namabhinqa babe ngabanini kwaye baphuhliswe; kunye
(k) nokuququzelela ukubuyiselwa kwisimo sangaphambili kwezitokhwe zeentlanzi ezilotywe
ngokugqithisileyo nezinciphileyo;
INXENYE B: INKQUBO YOLWABELO LWAMALUNGELO OKULOBELA EZORHWEBO
5. Ukunikwa kwamalungelo okuloba
Amalungelo okuloba anikwa ngokwayamene necandelo 18 le-MLRA. Onke amalungelo anikiweyo aza kuba semthethweni ukusukela kumhla wolwabelo lwawo isigaba sexesha esingadlulanga kwiminyaka xxx-15, xxxxx emva koko ilungelo xxx xxxx xxxxxxxxxx ngokuzenzekelayo lize libuyele kuRhulumente.
5.1. Uhlobo lwabaNini bamaLungelo
5.1.1. Izicelo eziza kuthathelwa ingqalelo zezeenkampani zabanini baseMzantsi Afrika, amaqumrhu aqingqiweyo kunye nookopoletyeni. Izicelo zabantu abazimeleyo xxxx'xxxxxxxxxxxx ingqalelo.
5.1.2. Abo bafakizicelo ababenamalungelo kwishishini lezokuloba ngaphambili abafaka izicelo zamalungelo kwakhona okuqhuba ukulobela ezorhwebo kweli shishini lezokuloba baza kuthathwa njengabaFakizicelo boDidi A. Abafakizicelo ababenamalungelo kumacandelo okuloba angengawo aweshishini lezokuloba le-KZN crustacean trawl ngesigaba sexesha sowe-2006 ukuya kowe-2020 baza kuthathwa ngokuba ngabaFakizicelo boDidi B. Abafakizicelo abangazange babe namalungelo okulobela ezorhwebo ngaphambili nakwawaphi na amacandelo okulobela ezorhwebo aseMzantsi Xxxxxx xxxx kuthathwa njengaFakizicelo boDidi C.
5.2. Isithuba sexesha samalungelo
Amalungelo okuloba aza kunikwa ishishini lezokuloba isigaba sexesha esingadlulanga kwiminyaka xxx-15. Isithuba sexesha samalungelo siza kumiselwa ngugunyaziwe otyunjiweyo kuthathelwa ingqalelo, phakathi kwezinye izinto, izinga lotshintsho kwishishini lezokuloba, isidingo senkunzi eninzi seshishini lezokuloba, isidingo sokukhuthaza utyalomali olungaphaya nohlumo lwezoqoqosho, ulwazi lwangoku lwesimo sofundonzulu ngokuphilayo lwezidalwa zohlobo olunye ekujoliswe kuzo kunye nokusebenza kwabathabathinxaxheba kwishishini lezokuloba.
5.3. Ubandakanyeko kumacandelo amaninzi
Abafakizicelo kwishishini lokuloba ngomnatha omkhulu le-KZN crustacean (ukuquka
abaninizabelo babo abalawulayo kunye namalungu eqela labalawuli besigqeba abo) abaz'ukuvalelwa ukuba babe ngabanini bamalungelo okulobela ezorhwebo kwamanye amacandelo okuloba.
5.4. Ukudluliselwa kwamaLungelo awaBelweyo ngokwayamene nalo Mgaqonkqubo
Ngokwayamene necandelo 21 le-MLRA uMphathiswa unokwamkela udluliselo lwamalungelo okuloba ngokupheleleyo okanye ngokuyinxenye. Nangona kunjalo, amalungelo anikiweyo kwishishini lokuloba ngokwayamene ne-MLRA awaz'ukudluliselwa kwiminyaka emithathu (3) yokuqala yokwabelwa kwawo.
6. Ukuqingqwa kweenqanawa zokuloba kunye nabaqalayo ukungena
Ngokuthathelwa ingqalelo oku kulandelayo:
6.1.1. xxxxxxxx xxxxxxxx eninzi kwishishini lezokuloba kunye nesidingo sokulondoloza uzinzo lwezoqoqosho lweshishini lezokuloba;
6.1.2. imingeni yokusebenza efunyenwe lishishini lezokuloba (umz. imilinganiselo yokulotywayo esilelayo, ukuxutywa kobungakanani okungafezekanga, iindleko eziphezulu zokusebenza, iimeko zokuloba ezinzima ezibhekiselele kufundonzulu ngezolwandle);
6.1.3. ukuguquguquka nokungathembeki kukavimba okuthi kuthintele ukungena kwenzuzo kwishishini lezokuloba;
6.1.4. ukulambatha kohlolo lwezitokhwe oluthembekileyo ngokuphathelele kwezobunzululwazi;
6.1.5. ipesenti yokulahlwa kwezidalwa ezilotywe kungajongwanga kulotywa zona okuphezulu;
6.1.6. ubungakanani obuncinci ngokungaphaya kwemimandla yokuloba ngomnatha omkhulu kude nonxweme kuncitshiswe sisibhengezo seThukela MPA kwaye uninzi lwemimandla sekulotywa kakhulu kuyo ngeminatha emikhulu;
6.1.7. xxxxxxxxxxxx ezithandabuzekayo zoguquko lobume bezulu kuvimba; xxxxx
6.1.8. nokuthandabuzeka kwemiba yezofundonzulu ngokuphilayo ethile yezidalwa ekujoliswe kuzo umz. izizathu zokungabikho kwezidalwa ezithile ezikhule ngokwaneleyo, iinkqubo zohlaziyeko, iziphumo zokuloba ngomnatha omkhulu ezixhomekeke kwingxinano;
Inani leenqanawa zokuloba ezamkelwayo kwinkqubo yolwabelo lwamalungelo kweli shishini lezokuloba xxxx'ukudlula ngaphaya kweenqanawa zokuloba ezisixhenxe (7). Ulwabelo lomgudu xxxx kwenziwa ngokokubekwa phambili ide ibe inkqubo yezibheno igqityiwe. Ulungelelwaniso olwenziweyo kulwabelo lomgudu, kusakube kugqitywe izibheno, xxxx kusetyenziswa kwixesha lonyaka lokuloba elizayo kweli shishini lezokuloba.
Abaqalayo ukungena kwishishini lezokuloba baza kuthathelwa ingqalelo kwaye abo banamava ekulobeni kwaye abakwaziyo ukufikelela kwiziseko ezifanelekileyo kuza kubekwa bona phambili kwaye kwamkelwe bona kulwabelo lwe-TAE lweenqanawa ezisixhenxe (7).
7. Iindlela zokuhluza zokuvavanya
Izicelo ziza kuhluzwa ngokwayamene neqela “leendlela zokuhluza zokubekelwa bucala”. Bonke abafakizicelo baza kuthi emva koko banikwe amanqaku ngokwahlukeneyo ngokwayamene “neendlela zokuhluza zokuzinzisa zothelekiso” ezilinganiselweyo. Kuza kumiselwa uhluzo ngenjongo yokuchongwa kwabafakizicelo abaphumeleleyo kwaye umgudu uza kwabelwa umfakisicelo ophumeleleyo ngamnye.
7.1. Iindlela zokuhluza zokubekelwa bucala
Ukongeza kwiindlela zokuhluza zokubekelwa bucala ezichazwe kuMgaqonkqubo Jikelele: 2021 ngokuphathelele ekufakweni kwezicelo ezineziphene ezibambekayo kunye neemfuno (icandelo 6), ugunyaziwe otyunjiweyo uza kubekela bucala abafakizicelo abasilelayo ukuhlangabezana nezi mfuno zilandelayo:
7.1.1. Ukuthobela
Umfakisicelo uza kubekelwa bucala ukuba, umninizabelo olawulayo, ilungu elingumnini wegunya lolawulo, okanye umlawuli, ugwetyelwe ukwaphula i-MLRA, imigaqo ebhengezwe phantsi kwayo kunye nemiqathango yamaphephamvume (ngaphandle kwendlela yokuhlawulwa kwesohlwayo).
Umfakisicelo uza kubekelwa bucala kwakhona ukuba, umninizabelo olawulayo, ilungu elingumnini wegunya lolawulo, okanye umlawuli, liye ilungelo lokuloba xxxxx lacinywa okanye larhoxiswa ngokwayamene ne-MLRA.
7.1.2. Ubumnini bemvume ngokwamaphepha
Izicelo zabafakizicelo bobumnini bemvume ngokwamaphepha, njengoko kuchaziwe kuMgaqonkqubo Jikelele oQulunqwayo: 2021, ziza kubekelwa bucala.
7.1.3. Ukukhohlisa ngokobumnini
Abafakizicelo abafunyaniswe bebandakanyeka ekuKhohliseni ngobumnini njengoko kuchaziwe kuMgqonkqubo Jikelele oQulunqwayo: 2021, baza kubekelwa bucala.
7.1.4. Ukuhlawulwa kweelevi
Abafakizicelo kufuneka bathobele iimfuno zokuhlawulwa kweelevi njengoko kuchazwe ngokubanzi kuMgaqo Jikelele oQulunqwayo: 2021.
7.2. IiNdlela zokuhluza zozinziso lothelekiso
Abafakizicelo baza kuvavanywa ngokwayamene nezi ndlela zokuhluza zokuzinzisa zilandelayo eziza kulinganiselwa ngenjongo yokuvavanya nokuhlola izicelo.
7.2.1. Indlela ekusetyenzwa ngayo ekulobeni (Kubhekiselelwe kubafakizicelo boDidi A)
7.2.1.1 Indlela ekusetyenzwa ngayo ekulobeni ngabafakizicelo ababenamalungelo okuloba kwishishini lezokuloba ukusukela kowe-2014 ukuya kowe-2020 iza kuvavanywa ukuqonda ukuba bawasebenzise ngokululutho na amalungelo abo okuloba.
7.2.1.2 Inani lamaxesha onyaka okuloba achithiweyo ngokuzimiseleyo ekulobeni, izithethe zokuloba ngokuzimiseleyo ngawo onke amaxesha okuloba alandelelanayo kunye nezinga lamandla okuloba (umz. inani leeyure zokuloba ngomnatha omkhulu) xxxx xxxxxxxxxxx ingqalelo xa kunikwa inqaku le ndlela yokuhluza .
7.2.2. Amava okuloba nolwazi (Kubhekiselelwe kubafakizicelo boDidi B no-C)
7.2.1.1 Ukubandakanyeka komfakisicelo kwamanye amacandelo okuloba (ukuloba, ukulungisa, ukumaketha);
7.2.1.2 Ukubandakanyeka komfakisicelo kwishishini lezokuloba elinemisebenzi enxulumeneyo (ukuloba, ukulungisa, ukumaketha kunye nolawulo lwezimali yinkampani nabaninizabelo);
7.2.1.3 Ulwazi lomfakisicelo ngendlela elisebenza ngayo xxx shishini lezokuloba kwaye nendlela umfakisicelo ajonge ukusebenzisa ngayo ilungelo.
7.2.3. Iinqanawa zokuloba ezifanelekileyo (Kubhekiselelwe kubafakizicelo boDidi B no-C)
7.2.3.1. Umfakisicelo uza kulindeleka ukuba abonakalise ilungelo lokufikelela kwinqanawa yokufikelela efanelekileyo ukuloba leKZN crustacean trawl. Ukufikelela kunokuba ngendlela yokuba ngumnini, inxenye yobumnini, isivumelwano sokulotywayo, isivumelwano sokuqesha, okanye ukuthengwa kwenqanawa yokuloba okanye ukwakhiwa kwenqanawa yokuloba entsha. Ukuba umfakisicelo unenjongo yokuthenga
inqanawa yokuloba, ubungqina besivumelwano sokuthenga kunye nesiqinisekiso sebhanki kufuneka zinikwe. Kwimeko yenqanawa yokuloba entsha eyakhiweyo ngoko ke iiplani zenqanawa yokuloba neendleko kwinkampani ebisakha inqanawa yokuloba kunye bobungqina bentlawulo okanye inxenye yentlawulo kufuneka zinikwe.
7.2.3.2. Inqanawa yokuloba efanelekileyo kwishishini lezokuloba yinqanawa yokuloba enkulu:
7.2.3.2.1. exhotyiswe ngokuloba iiprawn (ukuloba ngomnatha omkhulu ngaphantsi ngomva wenqanawa enomnatha omnye, okanye eneminatha emibini okanye emithathu esetyenziswa ngentsika);
7.2.3.2.2. enesakhono sokuloba kummandla wokuloba ngomnatha omkhulu wamanzi onzulu >7nm kude nonxweme; kwaye
7.2.3.2.3. enesixokelelwano sokubeka iliso esisebenzayo senqanawa yokuloba.
7.2.3.3. Ukuze kuqinisekiswe ukuba inqanawa yokuloba iyahlangabezana na neendlela zokuhluza zenqanawa yokuloba efanelekileyo, abafakizicelo balindeleke ukuba bangenise iifoto zenqanawa kunye neekopi zesatifiketi sobhaliso esisemthethweni se-SAMSA.
7.2.4. Ukuthobela (Kubhekiselelwe kubafakizicelo boDidi A no-B)
Ukunyhasha okungephi nokubalaseleyo, ukuquka noko kuphathelele koko kwakuhlawulelwe isohlwayo sokuvuma ityala okanye umfakisicelo ungene kwisibongozo sokuhliselwa isigwebo, phakathi kowe-2014 nowe-2020 kungathathelwa ingqalelo njengendlela yokuhluza yokuzinzisa kwaye kungasichaphazela ngokubalaseleyo isicelo.
7.2.5. Utyalomali kwishishini lezokuloba (Kubhekiselwa kubafakizicelo boDidi A, B no-C)
7.2.5.1. Ugunyaziwe otyunjiweyo kufuneka athathele ingqalelo:
7.2.5.1.1. Abafakizicelo boDidi A, utyalomali olwenziweyo kwiinqanawa zokuloba ezifanelekileyo kunye nezinye iimpahla ezinexabiso ezizinzileyo ezinje ngamaziko okulungisa nawokumaketha kwicandelo lokuloba le-KZN crustacean trawl (kunye, nakwamanye amacandelo, ukuba akhona, kodwa oku kuza kunikwa umlinganiselo
ongaphantsi) kwiminyaka xxx-15 edlulileyo. Utyalomali ngendlela yobuninizabelo xxxx xxxx kuthathelwa ingqalelo.
7.2.5.1.2. Kubafakizicelo boDidi B, utyalomali olwenziwe kwamanye amacandelo ngendlela yeenqanawa zokuloba, iimpahla zexabiso ezizinzileyo, amaziko akhoyo okulungisa nokumaketha, kodwa ukubonakalisa kwawo okucacileyo kokuzinikela (nesakhono) ekutyaleni imali kweli candelo (oko kukuthi, ufikelelo kwinqanawa yokuloba) xxxx kufuneka.
7.2.5.1.3. Abafakizicelo boDidi C balindeleke ukuba babonakalise ukuba banolwazi, isakhono kunye namandla okuloba nokulungisa izidalwa ekujoliswe kuzo nezo zilotywe kungajongwanga kulotywa zona zecrustacean trawl. Utyalomali olwenziweyo kwiinqanawa zokuloba ezifanelekileyo kunye nezinye iimpahla ezinexabiso ezizinzileyo ezinje ngamaziko akhoyo okulungisa nawokumaketha kwicandelo lokuloba le-KZN crustacean trawl xxxx kuthathelwa ingqalelo.
7.2.6. Utshintsho (Kubhekiselelwe kubafakizicelo boDidi A, B no-C)
7.2.6.1. Xa kuhlolwa kwaye kunikwa izicelo amanqaku, ugunyaziwe otyunjiweyo angakhetha abafakizicelo ngokusekelwe kwiindlela zohluzo zotshintsho. Xa kukhutshwa inqaku lendlela yokuhluza yotshintsho, ugunyaziwe otyunjiweyo angathathela ingqalelo: iinkcukachamanani zobalobantu okanye olunye ulwazi olunikwa zezeeNkcukachamanani zoMzantsi Afrika ngokuphathelele kulwakheko lwabantu belizwe baseMzantsi Afrika, kunye nepesenti yabo bantu belizwe eyenziwa ngamaqela eenkcukachamanani zabemi awohlukeneyo; isidingo sokuqinisekisa ukuhlonitshwa nokuthabatha inxaxheba ngokululutho kwishishini lokuloba kwaBantu abaVinjwa amaThuba ngaPhambili (ii-HDI) kunye nemigaqo yokusebenza okulungileyo phantsi koMthetho oLungisiweyo wokuXhotyiswa kwezoQoqosho okuFikelela ngokuNabileyo (Broad Based Economic Empowerment Amended Act).
7.2.6.2. Abafakizicelo, ngokuxhomekeke kuhlobo lomfakisicelo, baza kuhlolwa kwaye banikwe amanqaku –
ngezi ndlela zohluzo zotshintsho zilandelayo:
7.2.6.2.1. Ipesenti yabantu abahlelelekileyo nee-HDI ebonakalisiweyo kumanqanaba omvuzo ophezulu, ebhodi yabalawuli, amalungu kunye nawamagosa aphezulu nawolawulo;
7.2.6.2.2. Indlela ubungakanani bobumnini bomfakisicelo neziqinisekiso zolawulo lotshintsho lwabantu abahlelelekileyo (njengoko bulinganiselwe kwinkqubo yolwabelo lwamalungelo ka-2013) obuthe baphucuka ngayo, bahlala bunjalo ngayo, okanye behla ngayo kwisigaba sexesha esilandela emva kokunikwa kwamalungelo kwinkqubo yolwabelo lwamalungelo ka-2013;
7.2.6.2.3. Ukuba ingaba abasebenzi (ngaphandle kwabazuza imivuzo ephezulu) bayazuza na kwisikim sezabelo sabasebenzi;
7.2.6.2.4. Ukuthobela uMthetho wobuLungisa kwezeNgqesho (Employment Equity Act) 55 ka-1998 kunye nokubonakalisa abo bahlelelekileyo nee-HDI kumanqanaba awohlukahlukeneyo engqesho engaphantsi kwenqanaba legosa eliphezulu nelolawulo;
7.2.6.2.5. Inkqubo yokufumana abanikinkonzo ukunika amathuba kwabo bawavinjwayo ngaphambili;
7.2.6.2.6. Ukuthobela uwisomthetho ngophuhliso lwezakhono kunye nezixamali ezichithiweyo kwiinkqubo zoqeqesho zezokufunda umsebenzi kwingqesho zabantu abahlelelekileyo nee-HDI; kunye
7.2.6.2.7. Utyalomali lwequmrhu lwezentlalo.
7.2.7. Ukudalwa kwamathuba emisebenzi kunye nemiqathango yengqesho (Kubhekiselelwe kubafakizicelo boDidi A, B no-C)
7.2.7.1. Ugunyaziwe otyunjiweyo angabeka phambili namphi na umfakisicelo ozinikelayo ekugcineni amathuba akhoyo engqesho, okanye ukwandisa amathuba engqesho ukuba ulabelwe ilungelo kwishishini lezokuloba. Ngenxa yezi njongo ugunyaziwe otyunjiweyo uza kuthathela ingqalelo umgangatho wamathuba engqesho aza kudalwa, ukuquka nokuthobela uMthetho wemiQathango esisiSeko yeNgqesho (Basic Conditions of Employment Act), 1997 (No. 75 ka-1997) (“i-BCEA”); kunye nokuzinikela komfakisicelo ukunika abasebenzi:
7.2.7.1.1 ingqesho esisigxina;
7.2.7.1.2 uncedo lwezonyango okanye naluphi na uhlobo lwenkxaso yezonyango;
7.2.7.1.3 ingxowamali yomhlalaphantsi naleyo ifunyanwa ngokwesixa;
7.2.7.1.4 imiqathango yokusebenza ngokukhuselekileyo ngokwayamene neemfuno zezowisomthetho ezisebenzayo; kunye
7.2.7.1.5 nesikim sezabelo sabasebenzi, esiqinisekisa ukuba abasebenzi bonwabela ubuninizabelo obululutho kumnini welungelo.
7.2.8. Izidalwa ezilotywe kungajongwanga kulotywa zona (Kubhekiselelwe kubafakizicelo boDidi A)
Ugunyaziwe otyunjiweyo uza kufuna ukuvuza abo bafakizicelo bangabanini bamalungelo abatyale imali kwaye baphumeza amanyathelo okunciphisa ukothulwa kwezidalwa ezilotywe kungajongwanga kulotywa zona. Ugunyaziwe otyunjiweyo kwakhona uza xxxxxx amanqaku ngokobulungisa abafakizicelo abothula izidalwa ezilotywe kungajongwanga kulotywa zona kwaye abafumene iimakethi zezi zidalwa zilotywe kungajongwanga kulotywa zona (ezingezizo izidalwa zelinefish ezikuluhlu lokuzonwabisa okanye ezithintelweyo.)
INXENYE C: XXXXXXXXXXX XXXXXXX
8. Inkqubo yobudlelane bezidalwa nokuzingqongileyo kumashishini ezokuloba
Xxx shishini lezokuloba liza kulawulwa ngokwayamene nenkqubo yobudlelane bezidalwa nokuzingqongileyo kumashishini ezokuloba ("i-EAF"). Ulawulo lwenkqubo yobudlelane bezidalwa nokuzingqongileyo kumashishini ezokuloba yinkqubo epheleleyo elondoloza okanye ephucula impilo yobudlelane bezidalwa nokuzingqongileyo kwaye izinzise izidingo ezahlukahlukeneyo zasekuhlaleni kunye nemikhwa esulungekileyo. Le nkqubo ichaza kwakhona ubudlelane bezidalwa nokuzingqongileyo ngokuthe gabalala kwaye iquka iinkqubo zobudlelane bezidalwa nokuzingqongileyo, zezentlalo, zezoqoqosho nezolawulo.
9. Inkqubo yomqwalaseli
9.1. Umninilungelo welungelo lokuloba le-KZN crustacean trawl uza kubandakanya umqwalaseli okwinqanawa yokuloba echongiweyo yomnini welungelo xa kufunwa enze njalo liSebe okanye yiarhente yalo.
9.2. Umnini welungelo kufuneka ahlawule iindleko zokuziswa komqwalaseli xa kufunwa njalo liSebe.
9.3. Umnini welungelo uza kuvumela uMqwalaseli ukuba afikelele ngaphandle kokuthintelwa ukubeka iliso `kumsebenzi wokuloba, kunye nokuvavanya ukuthobela imiqathango yamaphephamvume kunye xxxx xxxxx imithetho esebenzayo.
9.4. Xa linokuthi iSebe likholelwe ngokufanelekileyo ukuba uMqwalaseli uyathintelwa ekuqhubeni izibophelelo zakhe ngayo nayiphi na indlela okanye uyoyikiswa ngayo nayiphi na indlela ngelixa akwinqanawa yokuloba yomnini welungelo, iSebe lingaqalisa iingxoxo zamatyala zomthetho (ezinokuquka ukuqaliswa kweengxoxo zamatyala zecandelo 28 ngokwayamene ne-MLRA kunye/ okanye iingxoxo zamatyala olwaphulomthetho).
10. Ukudluliselwa kwamaLungelo okuLobela ezoRhwebo kunye/okanye iZabelo kunye/okanye amaGunya oLawulo amaLungu
Ngokuxhomekeke kumhlathi 5.4 apha ngentla, abaNini bamaLungelo kweli xxxxxxx xxxx kuthathela ingqalelo uMgaqonkqubo wokuDluliselwa kwamaLungelo okuLobela ezoRhwebo okanye amaLungelo okanye iiNxenye zawo (uMgaqonkqubo woDluliselo) xa kudluliselwa amalungelo abo okuloba kunye/okanye izabelo kunye/okanye amagunya olawulo amalungu.
11. Imiqathango yamaphephamvume
Imiqathango yamaphephamvume yeli shishini lezokuloba iza kukhutshwa rhoqo ngonyaka. Imiqathango yamaphephamvume iza kuqinisekiswa emva kokubonisana nabafakizicelo abaphumeleleyo kweli shishini lezokuloba kwaye iza kuhlaziywa xa iSebe libona kufanelekile.
12. Ukubekwa iliso nokuvavanywa koMgaqonkqubo
12.1 ISebe xxxx xxxxxx iliso kwaye livavanye umgaqonkqubo ngokuqalisa imisebenzi emininzi yokulinganisa ukusebenza okusesikweni ngesithuba sexesha seminyaka xxx-15. Kuyaqikelelwa ukuba iqela lokuqala lemisebenzi yokulinganisela ukusebenza liza kuqalisa emva kweminyaka esixhenxe (7).
12.2 Nangona iSebe xxxx xxxxxxx imiqathango ngqo yabaNini bamaLungelo abaza kulinganiselwa ngayo emva kolwabelo lwamaLungelo okulobela ezorhwebo, kwaye nasemva kokubonisana nabaNini bamaLungelo, le miqathango ilandelayo inabileyo inxulumene nokusebenza ingasetyenziswa:
(a) Utshintsho.
(b) Utyalomali kwiinqanawa zokuloba, imizimveliso kunye nezixhobo zokuloba.
(c) Ukusetyenziswa okuzinzileyo.
(d) Imisebenzi yokuloba ye-KZN crustacean trawl.
(e) Ukuthobela ukuncitshiswa kwezidalwa ezilotywe kungajongwanga kulotywa zona ngemithetho nemigaqo esebenzayo.
(f) Ukuthobela imithetho esebenzayo nemigaqo.
(g) Ukunikwa kwengxelo kwangexesha nangokugqibeleleyo ngokulotyiweyo kunye nolunye ulwazi olusebenzayo.
12.3 Injongo yokulinganiselwa komsebenzi xxx xxxx kukuqinisekisa ukuba kuyahlangatyezwana na neenjongo zalo mgaqonkqubo.
13. Ulwaphulomthetho
Ulwaphulomthetho olunje ngolu:
(a) Umfakisicelo ophumeleleyo osilelayo ukusebenzisa ilungelo xxxxx lokuloba le-KZN Crustacean Trawl ngalo naliphi na ixesha elinye lonyaka ngesigaba sexesha elinikwe ngaso iLungelo elo ngaphandle kwenkcazelo evakalayo;
(b) Ukwaphulwa kwamagatya e-MLRA, imigaqo ye-MLRA, imiQathango yamaPhephamvume, uMgaqonkqubo wokuDluliselwa kwamaLungelo kunye neminye imiThetho enxulumeneyo ebandakanyiweyo kwimiqathango yamaPhephamvume nguMnini weLungelo, okanye abasebenzi bakhe (nokuba ngaba basisigxina, basebenza ngokupheleleyo okanye ngamaxesha athile), iikontraka zakhe, iiarhente okanye abacebisi bakhe kunye neskipper senqanawa yokuloba;
kungagqibelela ekuqalisweni kweengxoxo zamatyala ezomthetho (okunokuquka ukuqaliswa kweengxoxo zamatyala zecandelo 28 ngokwayamene ne-MLRA nezinye iingxoxo zamatyala zolwaphulomthetho).
USAYINO LOKWAMKELA
(As English version Gazetted)