ISAZISO NGOKWECANDELO 33 LOMTHETHO ONGOBURHULUMENTE BOMMANDLA ONGOLAWULO LWEZIMALI ZIKAMASIPALA ONGUNOMB.56 WANGO 2003
XXXXXXX XXXXXXXXXXXXX 33 LOMTHETHO ONGOBURHULUMENTE BOMMANDLA ONGOLAWULO LWEZIMALI ZIKAMASIPALA ONGUNOMB.56 WANGO 2003
Isaziso ke ngoko sikhutshwa ngokwcsndelo 33 loMthetho ongobuRhulumente bommandla ongeziMali zikaMasipala onguNomb.56 wango2003, sokuba uMasipala weNqila yeSixeko saseKapa (“iSixeko”) unenjongo yokungena kwikhontrakthi emalunga) NOBONELELO LWEENKONZO ZE-VOIP KWISIXEKO SASEKAPA engu192S/2022/23. Ikhontrakthi le iyakuthi inyanzelise izibophelelo zezimali kumasipala kwisithuba esingaphezulu kweminyakamali emithathu (3) apho kukhawulelwana nazo kumnyakamali wama2024/25. Kulungiselelwa ngezantsi apha uvakaliso lwezimvo zoluntu ngokumalunga nekhontrakthi le eluyilo.
Kwakhona kukhutshwa isaziso ngokwamaCandelo21A nelama21 oMthetho ongobuRhulumente boMmandla ongoLawulo lweeNkqubo zikaMasipala ongunomb32 wango2000, sokuba:
a. Uluntu lasekuhlaleni nabo bantu banomdla bayamenywa ukuba bangenise izimvo okanye iingxelonkcaza kwiSixeko ngokujoliswe kwisiphakamiso sekhontrakthi okanye i/
iikhontrakthi eziluyilo/ezisayilwayo. Ezo zimvo okanye iingxelonkcaza kufuneka zifunyanwe ngembalelwano ekwikhompyutha kusetyenziswa idilesi eyi-imeyile enikezelwe ngezantsi apha okanye zihanjiswe okanye ziposwe kwidilesi engezantsi apha, ungadlulanga umhla we9 kweyoMdumba (Febhuwari) 2024.
b. Iikopi zekhontrakthi eluyilo nesaziso sengcaciso okanye iMoA neNgxelo engeNgcaciso eshwankathela uxanduva lweSixeko ngokwezivumelwano eziluyilo, ziyafumaneka ukuba zihlolwe kwiiofisi zamaBhungana nakwizakhiwo zamathala eencwadi eSixeko kunye nakwa xxx.xxxxxxxx.xxx.xx (iwebhusayithi esesikweni yeSixeko).
c. Iinkcukacha ezingezinye zingacelwa kusetyenziswa idilesi eyi-imeyile engu Xxxxxxx.Xxxxx@xxxxxxxx.xxx.xx kwaye iyakuthi ifumaneke kwiwebhusayithi ekhankanywe ngentla apha.
Idilesi yendawo (engokuyifaka ngokwakho) | Idilesi yokuposa |
ISixeko saseKapa Information Systems and Technology kwiZiko loLawulo lweeNkonzo zoLuntu laseKapa 00 Xxxxxxx Xxxxxxxxx Xxxx Xxxx, 0000 | P O BOX 298 Cape Town 8000 |
Izingeniso kufuneka ziphawulwe: “192S/2022/2023- SUPPLY OF VOIP SERVICES TO CITY CAPE TOWN CONTRACT - SECTION 33 PROCESS” |
Abo bakhubazekileyo okanye abangenakho ukubhala kwaye babe befuna ukuthabatha inxaxheba kwinkqubo, bangeza kwiiofisi ezingentla apha kwisithuba seeyure zokusebenza apho ilungu eliligosa liyakuthi lincedisane nabo ekubhaleni phantsi izimvo ezifanelekileyo okanye iingxelonkcaza.