Contract
X. XXXXX IMIBUTHO EFUMENE INKXASO-MALI KUNYAKA-MALI UDLULILEYO
30. Uphononongo lweenkonzo kunyaka-mali odlulileyo: ncedani nisebenzise iSicwangciso seeNkonzo ebenisifake kulo nyaka uphelileyo ukuhlola iinguqu, kunye nefuthe okanye ifuthe lombutho wenu kunye neenkonzo obonelela ngazo. Eminye imibutho ityikitye isivumelwano kunye neSebe kwaye kufuneke ukuba imane ifaka iingxelo zenkqubela- phambili rhoqo. Olu phononongo ke ngoko xxxx xxxx sisishwankathelo sezi ngxelo ukuba ngaba bekufuneke ukuba nizingenise iingxelo kulo nyaka-mali udlulileyo.
30.1 Ulawulo: Bhekisani kwimiba efana nokuba β ingaba kukho amalungu amatsha onyuliweyo na? Ingaba kuye kwaqeqeshwa amalungu amatsha na? Ingaba isigqeba esilawulayo siwuthathela ingqalelo na uMgaqo-siseko waseMzantsi Afrika / uluntu lwenu? Ingaba ikomiti elawulayo/ibhodi yenu ibibamba iindibano rhoqo okanye ingaba bekukho iingxaki malunga noku na, ukuba ngaba kunjalo, yintoni ebangele oko? Ingaba abalawuli bayakwazi na okuqulethwe kwiSicwangciso seeNkonzo/kuye kwaxoxwa ngaso kunye nekomiti/ibhodi? Ingaba sikhona isicwangciso sabantu abaza kungena ezikhundleni lakuphela ixesha labo basezikhundleni ngoku; uthini uMgaqo-siseko malunga nexesha elivumelekileyo lokuba umntu abe lilungu ngalo? Xxxxxx xxxxxxxxx xxxx xxxxxxxx xxxxxx xxxxxxxx kwaye oku kwenziwe kanjani?
30.2 Abasebenzi: Ingaba amanani abasebenzi awuthathela ingqalelo umgaqo-nkqubo we-EE (ulingano engqeshweni)? Ingaba baye baqeqeshwa na abasebenzi? Zibe yintoni iziphumo nefuthe loqeqesho? Ingaba abasebenzi bebelawulwa rhoqo ngabaphathi? Ingaba abasebenzi bebebandakanywa ekuthatyathweni kwezigqibo nakwizicwangciso? Ame njani amanani abantu abayekileyo emsebenzini; ingaba oku kuye kwadala iingxaki ekuqhubekeni kakuhle kweenkozo? Ingaba baye bahlolwa abasebenzi ukuba bawenza kanjani na umsebenzi wabo?
30.3 ISicwangciso soPhunyezo: Xoxani ngeziphumo zeenkonzo nemisebenzi njengoko kubalulwe kwisicwangciso seenkonzo sangaphambili. Kuphunyezwe ntoni? Yintoni imiqobo kunye neengxaki okanye iingxaki ezithe zafunyaniswa?
30.4 Unxibelelwano kunye neminye imibutho namanye amaqela: ibiyintoni injongo yonxibelelwano (isivumelwano sentsebenziswano) kunye ne-ofisi yesithili yeSebe kunye namanye amaqela athabatha inxaxheba eluntwini? Zibe yintoni iziphumo zolu nxibelelwano/isivumelwano sokusebenza: ingaba kuye kwaphucukana ukubonelelwa kweenkonzo, kwenze igalelo kwimpumelelo yeenkonzo/imisebenzi/imicimbi ecwangcise kunye ngala maqela? Xxxxxx xxxxxxx xxxxxxxx na kwaye ziye zasonjululwa njani na?
30.5 Uhlahlo lwabiwo-mali: Ingaba imicimbi/iiprojekthi ziye zabelwa iindleko zazo kwaye bezifanelekile na ezi ndleko ngokwezicwangciso kunye nemicimbi eqhutyiweyo? Ingaba uzinzile na umbutho wenu? Nikwazile na ukufumana inkxaso-mali kweminye imithombo? Ngawaphi amathuba eninawo okonyusa ingxowa-mali eluntwini lwenu?
30.6 Ukubeka esweni nokuphonononga: Loo mibutho ibihlolwe ngamaqela e-M & E, eSebe ayacelwa ukuba ancede aphononge le nkqubo, achaze ukuba ingaba imimiselo ebekiweyo
imiba yexesha elide ibandakanyiwe na kwesi sicwangciso seenkqubo?
30.7 Eminye imiba