Isalathiso: 20200722-7126
Isalathiso: 20200722-7126
Inombolo yefayili: 12/2/13/6
Imibuzo: A Xxxxxxxxx
ICandelo lokuXhasa amaZiko ngeZibonelelo
INgcaciso eMfutshane yeCandelo lokuXhasa amaZiko ngeZibonelelo: 0006/2020
Iya: KumaSekela Balawuli-Jikelele, kuBalawuli abaziiNtloko, kuBalawuli, kuBaphathi beeSekethe, kwiiNtloko zoLawulo noKuphathwa kwamaZiko, kumaSekela Balawuli kwii-ofisi zezithili, kwiiNqununu nakooSihlalo bamabhunga olawulo azo zonke izikolo zikarhulumente eziqhelekileyo zesiqendu 21
Isihloko: Uku-odolwa kwezinto zokubhala nezinto zokucoca zizikolo zesiqendu 21
1. Niyacelwa niqaphele ukuba inkqubo yoku-odola kule ngcaciso imfutshane isebenza kuphela kwizikolo zesiqendu 21.
2. ISebe leMfundo leNtshona Koloni (WCED) lingene kwiimvumelwano zokuthengiswa nokuziswa kwezinto zokubhala nezinto zokucoca ukususela ngowe-01 Oktobha 2017 ukuya kowe-30 Septemba 2020. Makufundwe iSetyhula 16/2016, yomhla we-13 Apreli 2016.
3. Izikolo zesiqendu 21 ke ngoko zinikwe ithuba loku-odola izinto zokubhala nezinto zokucoca kulo mboneleli-nkonzo kungenwe kwimvumelwano kunye naye. Izikolo zinoku-odola kuphela izinto ezidweliswe kwizihlomelo eziqhotyoshelweyo zezinto zokubhala nezokucoca ngokwezithili zemfundo zazo ezichaphazelekayo. Ngoko ke, izikolo zesiqendu 21 xxxx xx-xxxxx xxxx zihlawule kubaboneleli-nkonzo abakwimvumelwano ngqo. Iinzuzo ezifunyanwa ngoku-odola kubaboneleli-nkonzo ekuvunyelwene nabo ziquka amaxabizo asezantsi nge-ayithem nganye yaye la maxabiso aquka ukuziswa kwazo esikolweni.
4. Iinkcukacha zomboneleli-nkonzo ekuvunyelwene naye ukuthengisa nokuzisa izinto zokubhala (contract B/WCED2381/16) nezinto zokucoca (contract B/WCED2382/16) zezi:
Masiqhame Trading 1057 CC 00 Xxxxxxxxxx Xxxxxxxx Edgemead
7441
Lower Parliament Street, Cape Town, 8001 Private Bag X9114, Cape Town, 8000
Tel.: x00 00 000 0000 Fax: x00 00 000 0000 Employment and salary enquiries: 0861 92 33 22
Safe Schools: 0800 45 46 47 xxx.xxxxxxxxxxx.xxx.xx
Umntu emakuqhagamshelwana naye: Mnu X Xxxxxxx Iinombolo zoqhagamshelwano: 021 558 9947
Idilesi ye-imeyili: xxxxxxxxxxxxxxxx@xxxxxx.xxx
5. Xx xxxxx yamaxabiso iqhotyoshelweyo ibisebenza ukususela ngowe-01 Oktobha 2019 yaye iya kubasemthethweni kude xxxx ngowe-30 Septemba 2020. Izikolo zesiqendu 21 kufuneka ziwasebenzise la maxabiso afaneleke kwizithili zazo.
6. Kucelwa wazise okuqulethwe yile ngcaciso imfutshane kuwo onke amagosa achaphazelekayo ukuze akuthathele ingqalelo.
ISAYINWE: NGU-XX XXXXXXXX
XXXXXXX XXXXXXX-XXXXXXXX WOCWANGCISO LWEZEMFUNDO UMHLA: 2020-08-03
2