Isalathiso: 20210514-3008 Inombolo yefayili: 13/8/3
Isalathiso: 20210514-3008
Inombolo yefayili: 13/8/3
Imibuzo: CA Xxxxx
INgcaciso eMfutshane yeCandelo loLawulo lweeMviwo: 0004/2021
Iya: KwiNtsumpa-Jikelele, kumaSekela Balawuli-Jikelele, kuBalawuli abaziiNtloko, kuBalawuli (kwaNdlunkulu nakwii-ofisi zezithili), kwiiNtloko zoLawulo nokuPhathwa kwamaZiko, kuBaphathi beeSekethe, kuBaququzeleli boVavanyo neeMviwo, kwiiNtloko zamaziko nakuBaphathi bamaZiko alungiselela abaviwa iimviwo zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, ezeSatifikethi seMatriki kunye neze-AET L4
Isihloko: Ukuqeshwa kwenkampani yekhuriya entsha yokuziswa nokuthathwa kwmathiriyeli nezinto ezinxulumene noviwo
1. Ukwenjenje kwaziswa iinqununu zezikolo/abaphathi bamaziko okubhalela iimviwo ukuba iSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) likhethe ukuthatha inxaxheba kwimvumelwano ebandakanya amaziko amaninzi (transversal contract) (RT5-2020) eyaqukunjelwa yi-Ofisi kaNondyebo kaZwelonke.
2. Le ngcaciso imfutshane ilungiselelwe ukwazisa iinqununu/abaphathi bamaziko ngotshintsho kwinkampani yekhuriya eya kusebenza kuwo onke amaziko karhulumente nazimeleyo eemviwo xa kuqaliswa ngeemviwo zangoMeyi/Juni 2021 zeSatifikethi seMatriki sikaZwelonke, iSatifikethi seMatriki kunye nezeMfundo noQeqesho lwaBadala iNqanaba 4.
3. Imvumelwano nomboneleli-xxxxxx xxxxxxx, i-Courierit SA (PTY) Ltd, iphele nge-31 Matshi 2021.
4. ISebe iWCED ngoko ke lingene kwimvumelwano yeenkonzo neMadibana SA (PTY) Ltd ukulungiselela ukuthumela ngekhuriya izinto ezinxulumene noviwo ukuya nokubuya kumaziko okubhalela uviwo.
5. Ngenxa yoku, kucelwa iinqununu ziqinisekise ukuba akukho nanye kwizinto ezinxulumene neemviwo (amaphepha emibuzo, iincwadi zeempendulo, izikripthi zeempendulo, izinto zokubhala uviwo) ezithunyelwa kwiSebe iWCED ngayo nayiphi na enye inkampani yekhuriya ngaphandle kweMadibana SA (PTY) Ltd.
0 Xxxxx Xxxxx Xxxxxx, 0 Xxxxx Xxxx Xxxxxx, Xxxxxxx Xxx X0000, Cape Town, 8000
Foreshore, Cape Town, 8001 Employment and salary enquiries: 0000 00 00 00
Tel: x00 00 000 0000 Fax: x00 00 000 0000 Safe Schools: 0800 45 46 47
xxxxxxxxxx.xxxxxxxxxxx.xxx.xx
6. Ukuthembakala kweemviwo zikazwelonke kufuneka kukhuseleke ngawo onke amaxesha ukuqinisekisa ukuqhubeleka kwezinto ngethuba leenguqu, kubaluleke gqitha ukuba iSebe iWCED ligcine imimiselo yezokhuseleko neyamalungiselelo angoku
7. Abaqhubi beekhuriya, kwakunye nabancedisi babo, baya kuqatshelwa ngokubonakalayo ngeleta ebanika imvume, ngekhadi lokuzazisa nangendlela yokunxiba ethile. Inqununu/umphathi wezikolo unokucela xxxxx yokunika imvume esuka kumqhubi ngalo naliphi na ixesha xa besisa okanye besiyokuthatha izinto zokubhala uviwo.
8. Kuphela ngamaphetshana okuziswa kweempahla ekhuriya aseMadibana ekufuneka esetyenzisiwe xa kuthunyelwa amaxwebhu anxulumene noviwo kwiCandelo loLawulo lweeMviwo, ngoko nangoko. Amaphetshana okuhambisa iimpahla aya kuba nenombolo ye-akhawunti entsha yaye kuya kubonelelwa ngawo kuzo zonke iinqununu/abaphathi bamaziko kwakunye nomthwalo oqulethe izinto zokubhala uviwo (examination stationery).
9. Kucelwa ukuba kuqhagamshelwane nala magosa alandelayo ukufuna ingcaciso okanye ngemibuzo:
• XXxxx Xxxxxx Xxxxxxxxxx: 021 467 2923
• XXxx Xxxxx Xxxxx: 021 467 2265
• XXxx Xxxxxxxxx Xxxxxxxxx: 021 467 2987
10. Amanye amalungiselelo okhuseleko, okuziswa nokuthathwa kweempahla aya kwaziswa kuwo onke amaziko ukuze awathathele ingqalelo.
ISAYINWE: XXX-X XXXXXXX
USEKELA MLAWULI-JIKELELE OBAMBELEYO WOLAWULO LWEKHARITYHULAM NOVAVANYO UMHLA: 2021-05-18
2