NGOKWECANDELO 27 LOMTHETHO I-NATIONAL HERITAGE RESOURCES ACT (UMTHETHO 25 KA-1999)
ISICELO SOTYUMBO LWESIZA SELIFA LEMVELI SEPHONDO
NGOKWECANDELO 27 LOMTHETHO
I-NATIONAL HERITAGE RESOURCES ACT (UMTHETHO 25 KA-1999)
Le fomu ifakwa phambi kokungeniswa ‘koXwebhu loTyumbo’ yaye ilungiselelwe ukuncedisa ngokubeka imithombo yelifa lemveli ngokwezintlu ngokweCandelo 3(3) leNational Heritage Resources Act, njengenxalenye yenkqubo yobhengezo lweSiza seLifa leMveli sePhondo (ICandelo 27). Imithombo yelifa lemveli etyunjiweyo ebalulekileyo kwiphondo iya kuhlelelwa kwiGreyidi yesi-2 ze iqwalaselelwe ukuba ibe kwizinga leSiza seLifa leMveli sePhondo.
INOMBOLO YOMBA WELIFA LEMVELI LENTSHONA KOLONI:
ISIZA SELIFA LEMVELI SEPHONDO ESIPHAKANYISIWEYO :
Inkcazelo emfutshane ngokuBaluleka kwaso: (Inkcazelo ePheleleyo yoBaluleko kufuneka ifakwe njengesihlomelo)
Iphakanyiswe ngu: Ifowuni:
Umhla ophakanyisiweyo: Iselula:
I-imeyili:
Igama lePropati: Inombolo yeSitrato neSitrato: Ilokishi: Idolophu:
Iinkcukacha ngoMhlaba
Inombolo yeSiza/ yeFama: Ulwahlulo loBhaliso: Ubude: Ububanzi: Isalathiso seMephu: Indlela yokurekhoda:
UHLOBO LOMTHOMBO WELIFA LEMVELI
Xxxxxx Xxxxxxxx
Isiza seMvelaphi yoLuntu
Isiza esingeMvelaphi yeZidalwa Uphawu loBume boMhlaba Ingcwaba
Ingaba izinto ezihambisekayo ezikwesi siza ziyinxalenye yoTyumbo?
Utyumbo lweNdibanisela (Ingaba kutyunjwa iziza eziliqela njengenxalenye ‘yoTyumbo oluHlanganisiweyo) (Kutyumbo lwendibanisela yeziza, zalisa ifomu yesiza ngasinye, nikeza iinkcukacha ezongezelelekileyo ngeziza, kananjalo qhoboshela iinkcukacha ezingolawulo lwazo kunye nezigaba zotyumbo oluphakanyisiweyo).
Inqwanqwa loBaluleko Phezulu Phakathi Phantsi Elehlabathi
EleSizwe Elephondo Elommandla Elengingqi
Eleqela elilodwa okanye eloluntu
Zeziphi ezinye iziza ezibufana nesi ezinokuthelekiswa naso? Xxxxxxx esi siza xa sithelekiswa nezi ziza? (Cacisa ngokubhala kwelinye iphepha)
Umnini :
Ukuba umtyumbi xxxxxxxxxxx, umnini kunye nequmrhu lolondolozo elibhalisiweyo elibhalise le ndawo njengendawo yalo, kufuneka banikwe ikopi yale fomu kunye namaxwebhu xxxxxx xxxx. Ubungqina boko kufuneka bungeniswe xxxx fomu xa ingeniswa kwiCandelo leLifa leMveli leNtshona Koloni.
(Ukuba isiza sesikarhulumente; chaza isebe elinoxanduva nesikhundla somntu ekuqhagamshelwana naye)
Ingaba umnini-ndawo uyaluxhasa olu tyumbo? Ewe □ Hayi □
Isignitsha yomnini: Umhla:
Idilesi yeposi:
Ifowuni: I-imeyili:
Iselula: Ipheyiji yewebhu:
Umntu ekuqhagamshelwana naye: (Ukuba asinguye lo ubhalwe ngentla. Xxxxxx xxxxxxxxxxx zakhe zoqhagamshelwano)
Ifowuni: I-imeyili:
Iselula: Ipheyiji yewebhu:
🞏 * Ingxelo epheleleyo yobaluleko; (Jonga izinto ezifunwayo ezikwinkqubo yobaluleko exelwe apha ngezantsi)
🞏 * Inkcazo ngengxelo yobhengezo lweSiza seLifa leMveli sePhondo, kubandakanywa inzuzo enokufumaneka kuso, iingozi ngaso nemingcipheko;
🞏 * Imbali emfutshane ngendawo leyo;
🞏 * Inkcazelo ngobunjani bendawo engumthombo welifa lemveli;
🞏 * Indawo ekuyo (imephu) nePlani yeSiza;
🞏 * IIfoto neeplani;
🞏 ** Uluhlu lwezinto ezihambisekayo ezimalunga nesiza eso eziphakanyiswe njengenxalenye yotyumbo, okanye ezesiza semvelaphi yoluntu neyezidalwa; uludwe loovimba nalapho bagcinwe khona;
🞏 ** Uluhlu lwamaxwebhu amalunga nemithombo yelifa lemveli;
🞏 ** Ingxelo ngokhuseleko olukhoyo ngoku nemiqathango ekhoyo (umz. Kwindawo ebiyimonyumenti yesizwe, irejista yepropati engahambisekiyo; indawo yolondolozo; uzowuno olukhoyo; amalungelo obunini)
🞏 ** Uludwe lwemibutho yelifa lemveli ekuboniswene nayo nezimvo zabo ngolu tyumbo luphakanyiswayo.
🞏 *** Iplani yesiza (enemida yesiza ephakanyisiweyo);
🞏 *** Iiplani zolondolozo okanye zolawulo (zithumele kwangoko ukuba zikhona);
🞏 *** Isivumelwano seSiza seLifa leMveli (ukuba siyafuneka).
(Nikeza zonke izinto ezimakishwe ngo(*) xxxx fomu yotyumbo, kunye nezinye ezikhoyo. Ezo zimakishwe (**) ziza kufunwa xa isiphakamiso sisiya kwiBhunga leHWC kuqala ukuze sixhaswe (Uluhlu lweThutyana lweZiza zaMafa eMveli zePhondo). Ezo zimakishwe (***) ziza kufunwa xa uTyumbo olu lusisiwa kwiNtlanganiso yeBhunga elandelayo ukuze lwamkelwe njenge Siza seLifa leMveli sePhondo).
1. IXABISO LEMBALI
a. Sibalulekile kuluntu okanye kumzila wembali
i. Ukubaluleka kwaso ekutshintsha-tshintsheni kweenkcubeko neendawo zokuhlala.
ii. Ukubaluleka kwaso ekuboniseni ubuninzi, ukutyeba okanye ukwahluka-hluka kweempawu zenkcubeko ezibonisa intlalo nokutshintsha-ntshintsha kwayo kwisizwe, kweyoluntu, kweyePhondo, kweyommandla okanye kweyengingqi.
ii. Ukubaluleka kwaso ekuhambelaneni kwaso neziganeko, uphuhliso okanye izigaba zenkcubeko ezinendima ebalulekileyo ekuhlaleni koluntu nokutshintsha-ntshintsha kwesizwe, koluntu, kwePhondo, kommandla okanye koluntu ekuhlaleni.
iv. Ukubaluleka kwaso njengomzekelo wokugqwesa kubungcali, kubugcisa, kuyilo lwezinto ezintsha okanye kubuchule, okanye impumelelo yaso kwisithuba sexesha esithile
b. Sinento emandla esihlanganisa nobomi okanye umsebenzi womntu othile, iqela okanye umbutho othe waba nendima ebalulekileyo kwimbali
i. Ukubaluleka kwaso kubudlelwane noluntu, amaqela okanye imibutho ebomi bayo, nemisebenzi yayo ethe yabaluleka kwimbali yesizwe, kweyoluntu, kweyePhondo, kweyommandla okanye kweyengingqi.
c. Sibalulekile kwimbali yobukhoboka
i. Ukubaluleka kwaso ekuhlanganeni ngqo nembali yobukhoboka eMzantsi Afrika.
2. IXABISO XXXXXXX
x. Sibalulekile ekuboniseni iimpawu zezinto ezintle ezixatyiswe luluntu okanye iqela lenkcubeko
i. Ukubaluleka kwaso kuluntu ngenxa yeempawu ezintle ezixatyisiweyo luluntu.
ii. Ukubaluleka kwaso ekugqweseni kubungcali, kubugcisa, kuyilo lwezinto ezintsha okanye kubuchule, okanye impumelelo yaso.
ii. Ukubaluleka kwaso kwigalelo laso kubuhle obuboniswe ngumgangatho wophawu lomhlaba okanye ifuthe elinalo kwiimpawu ezibalulekileyo okanye igalelo laso kwiimpawu zobuhle zezinto zenkcubeko ezingqonge loo mmandla okanye kubume bomhlaba obukule ndawo sikuyo isiza selifa lemveli.
iv. Kwimeko yesakhiwo esikwindawo enembali, ukubaluleka kwaso kwigalelo laso kubuhle baloo ndawo obenziwa zizinto ezithile apha kuso ezithi xa zihlangene zibe nefuthe kubume nenkangeleko yezitrato, inkangeleko yedolophu nemo yenkcubeko.
3. IXABISO KUBUNZULULWAZI
a. Sinefuthe lokuza nolwazi oluza kuba negalelo ekuqondeni ilifa lemveli lendalo okanye lenkcubeko
i. Ukubaluleka kwaso ekuboneleleni ngolwazi lokuqonda ngokubanzi Imbali yendalo neyenkcubeko ngenxa yokusetyenziswa kwaso njengesiza sophando, isiza sokufundisela, uhlobo lwendawo esikuso, isiza esetyenziswa jengendawo yemfunalwazi okanye esiseko solwazi.
ii. Ukubaluleka kwaso ekuboneleleni ngolwazi lokuqonda ngokubanzi intsukaphi yendalo nokusingqongileyo okanye yobukho
bomhlaba nenkqubela yawo.
iii. Ukubaluleka kwaso ekuboneleleni ngolwazi lokuqonda ngokubanzi Imvelaphi yobomi; indlela yokukhula kwezityalo nezilwanyana, okanye indalo yomntu nendlela akhula ngayo okanye ukukhula kwenkcubeko yomntu.
iv. Ukubaluleka kwaso ekubeni sisenokuthi sikwazi ukubonelela ngolwazi lokuqonda ngokubanzi imbali yokuhlala komntu wesizwe, wePhondo, wommandla okanye wengingqi.
b. Ibalulekile ekuboniseni impumelelo ekuzeni nemibono emitsha neyobugcisa kwisithuba esithile
i. Ukubaluleka kwaso ekuzeni nemibono emitsha yobugcisa okanye impumelelo yobugcisa.
4. IXABISO KWEZENTLALO
a. Sinobudlelwane obumandla okanye obubodwa noluntu oluthile okanye iqela lenkcubeko elithile obunenzuzo kwintlalo, kwinkcubeko okanye kwiinkolo
i. Ukubaluleka kwaso njengendawo ehlonitshiweyo luluntu okanye liqela lenkcubeko ngezizathu zezentlalo, zenkcubeko, zenkolo, zomoya, ngenxa yokuba luphawu lokuthile, ubuhle okanye ifuthe kwezemfundo.
ii. Ukubaluleka kwaso kwigalelo laso ekubeni uluntu luzive lululuntu lwendawo ethile.
Amazinga okubaluleka
5. UNQONGOPHALO:
a. Sineempawu zendalo nenkcubeko ezingaqhelekanga, ezinqabileyo okanye ezisengozini
i. Ukubaluleka kwaso ekubeni sibe nezakhelo ezinqabileyo, ezisengozini okanye ezingaqhelekanga, ubume bomhlaba obahlukileyo okanye iimpawu ezingaqhelekanga.
ii. Ukubaluleka kwaso ekuboniseni indlela yokuphila eyahlukileyo, inkcubeko eyodwa, inkqubo, usetyenziso lomhlana, umsebenzi wayo ongasenziwayo, idizayini eyayekwayo okanye ekuphulukwana nayo, okanye enika nje umdla owodwa kwisizwe, kwiPhondo, ummandla okanye kwingingqi.
6. UMELO:
a. Ibalulekile ekuboniseni iimpawu ezingundoqo zezinga elithile leendawo izinto zendalo nezenkcubeko
i. Ukubaluleka kwaso ekuboniseni iimpawu ezingundoqo zemilo-mihlaba eyahlukileyo, okanye iimeko-bume, iimpawu ezenza ukuba sibe
sisiza esahlukileyo kwezinye ezikwizinga laso.
ii. Ukubaluleka kwaso ekuboniseni iimpawu ezingundoqo zezinto ezenziwa ngabantu (ezibandakanya indlela abaphila ngayo, indlela
abenza ngayo izinto, inkcubeko, inkqubo, usetyenziso lomhlaba, umsebenzi waso, idizayini okanye ubugcisa obusetyenziswayo) kwimeko esingqongileyo yesizwe, yePhondo, yommandla okanye yengingqi.
Isignitsha: ……………………………………………… Umhla: ……………………………………