MASTER INSTRUMENT OF DEBT UXWEBHU LETYALA (INSTRUMENT OF DEBT)
Xhosa
UXWEBHU LETYALA (INSTRUMENT OF DEBT)
Thina, aba basayine ngezantsi:
Apha simelwe ngu -
kwisikhundla sakhe
kwaye
nakwisikhundla sakhe
begunyaziswa apha ngolu hlobo siSindululo
("soMBOLEKI-MALI")
xxxx xxxxxxxxxx:-
Siyavuma ukuba uMBOLEKI-MALI unetyala okanye uza kuba netyala ku-
CDT FOUNDATION
No 1999/014491/08
(uMbutho omanywe phantsi kweSahluko 21)
("uMBOLEKISI")
esisixa-mali R……………………………………………….ngokubhekisele kwimali ayibolekiweyo nenikezelweyo nazakuyibolekwa nezakunikezelwa.
Siyavuma ukuba –
Inkunzi iza kunikezelwa nguMBOLEKISI kuMBOLEKI-MALI emva kokuba isayinelwe ngokokubona koMBOLEKISI.
Isixa-mali esiyinkunzi sakuba nenzala ekwizinga elingu-8,5% (IIPESENTI EZISISIBHOZO ESINESIQINGATHA) ngonyaka;
UMBOLEKI-MALI uza kuyibuyisa inkunzi nenzala njengoko kuchaziwe ngezavenge ………………………………………………………. ngenyanga;
Izavenge zakubandakanya nenzala, ntlawulo ezo ezakuthi zenziwe ukuba zenzeke ngosuku lokuqala lomsebenzi okanye oluphambi kwelo lenyanga nganye, iqala ngosuku lokuqala lomsebenzi lwenyanga elandela leyo athe uMBOLEKISI wanikezela ngenkunzi kuMBOLEKI-MALI.
UMBOLEKI-MALI uyakuthi abenalo ilungelo lokuhlawula sonke isixa-mali esiyintsalela ngalo naliphi ixesha ngaphandle kwesaziso okanye ukwenza intlawulo yezavenge kwi-akhawunti yenkunzi nenzala esaseleyo nangaliphi ixesha ngaphandle kwesaziso ukongeza kwizavenge ezimisiweyo.
Ukuba nasiphi isavenge sithe asahlawulwa ngomhla ekumel ukuba sihlawulwe zonke izixa-mali ekufuneka zihlawulwe ngokolu xwebhu zakuba zezifuneka ukuba zihlawulwe ngoko nangoko ngaphandle kwesinyanzeliso.
Ngokungakhathaleli nantoni echaseneyo equlethwe apha, intsalela xxxxx yemali ekufuneka ihlawulwe phambi.
Siyavuma ukuba isixa-mali sisonke kwakufuneka sihlawulwe sisisambuku ngaphandle kwesinyanzeliso ukuba –
kuvunyelwe isigunyaziso sokutshitshiswa ngokusemthethweni nokuba sesethutyana okanye sisigxina selifa loMBOLEKI-MALI okanye libekwe phantsi kolawulo lomthetho;
nasiphina isigwebo ngokubhekisele kuMBOLEKI-MALI sihleli kungakhawulelwananga naso kangangeentsuku ezisi-7 (ISIXHENXE) okanye ngaphezulu;
UMBOLEKI-MALI utyeshela naiyiphina imiqathango yolu Xwebhu leTyala kwaye asilele ukukhawulelana nolo tyeshelo emva kwesaziso esibhaliweyo seentsuku ezili-14 (XXXXXX XXXXXXXXX) esakube sikhutshwe nguMBOLEKISI sisiya kuMBOLEKI-MALI simchazela ukuba enze njalo;
UMBOLEKI-MALI ubeka engozini okanye uzama ukubeka engozini jikelele ababoneleli ngemali-mboleko bakhe;
kukho ukutyeshelwa kwemimiselo yeSivumelwano soBambiso echazwe kuMhlathi we-15 ngezantsi.
Ulahla zonke iinzuzo zoxhomekeko "non numeratae pecuniae", "non causa debiti", "errore calculi", ukuhlaziywa kwee-akhawunti, ukungafunyanwa kwexabiso nazo zonke ezinye iinzuzo zomthetho okanye uxhomekeko ezintsingiselo nefuthe athe uMBOLEKI-MALI waziqhelanisa nalo.
Siyavuma ukuba isatifikethi esenziwe nguMBOLEKISI ngokubhekisele kwisixa-mali setyala loMBOLEKI-MALI kuMBOLEKISI phantsi kolu Xwebhu sakuba bubungqina obugqibeleleyo besixa-mali nokuba sesikweni kweli tyala, kwaye siyakwanela size sinike uMBOLEKISI ilungelo lokufumana ukugwetyelwa kwethutyana phantsi koku.
Siyavuma ukuba zonke iintlawulo ekufuneka zenziwe nguMBOLEKI-MALI njengoko zichaziwe apha zakwenziwa ngaphandle kokuxhuzulwa kuMBOLEKISI e-4 Gremlin Road, Bryanston Extension 0, Xxxxxxx, 0000, xxxxxx kwidilesi ekhethwe ngokubhaliweyo nguMBOLEKISI amaxesha ngamaxesha.
Sakukhetha indawo ngokuzithandela (domicilium citandi et executandi) ukulungiselela zonke iinjongo ezilapha ngezantsi kwindawo emiswe njengesibambiso kwaye siyavuma ukuba nasiphina isaziso sakuthathwa njengesifunyenweyo nguMBOLEKI-MALI ukuba sithe saziswa ngesandla ngomhla wokuziswa, nokuba siposelwe …………………………………………………………………. Kusuku lwesithathu emva kokuba siposiwe, ngokuxhomekeka ekungakhathaleleni oku kuchaziweyo, isaziso esibhaliweyo okanye unxibelelwano olufunyenwe nguMBOLEKI-MALI lakuba sisaziso okanye unxibelelwano olufanelekileyo ngokukhathaleli ukuba luthunyelwe kwindawo ekhethwe ngokuzithandela (domicilium citandi et executandi) nguMBOLEKI-MALI.
Siyavuma ukuba olu Xwebhu leTyala luqulethe sonke isivumelwano phakathi koMBOLEKISI noMBOLEKI-MALI kwaye akukho zinikezelo okanye iiwaranti zenziweyo okanye zinikezelweyo nguMBOLEKISI, ngaphandle kohlobo oluchaziweyo apha. Akukho silungiso okanye ukucinywa ngokuvumelana koku kuvuma okanye nawuphi umqathango woku kwaye akukho kwangezwa kwexesha, ukuhlukahlukaniswa okanye ukunyenyiswa kwayo nayiphina imiqathango yoku kuyakubophelela kuMBOLEKISI okanye uMBONELELI NGEMALI-MBOLEKO ngaphandle kokuba oko kushicelelwe kuxwebhu olubhaliweyo olusayinwe ngamaqela omabini.
Sibhambathisa ukuba sakuhlawula uMBOLEKISI kwakunyanzeliswa iindleko, kuquka neziyimivuka, zokuyila, ukulungiswa nokugcwaliswa kolu Xwebhu leTyala kuquka nesitampu esigximfiziweyo.
Siyavuma kulawulo lweNkundla kaMantyi xxxxxx nawo onke okanye nawaphina amabango antsusa ilapha ngezantsi ngokubhekisele kuloo Nkundla enokuba inolawulo kuMBOLEKI-MALI ngokungakhathaleli ukuba isixa-mali sebango elo sinokuba ngaphezulu kolawulo lwaloo Nkundla.
Siyavuma ukuba nasiphina isixa-mali esihlawulwe phantsi koku sakuthinjwa kwibakala lokuqala ukukhawulelana nemirhumo yezezimali (ukuba ikho) kwaye kwibakala lesibini ukukhawulelana nazo naziphi iindleko ekufuneka zihlawulwe nguMBOLEKI-MALI kuze emva koko zijoliswe kwinkunzi.
Siyavuma ukuba uMBOLEKISI angancama okanye anikezele lonke ibango okanye inxalenye yalo phantsi kolu xwebhu kuMBOLEKI-MALI kuquka inzuzo yalo naluphina ukhuselo olubanjwe nguMBONELELI NGEMALI-MBOLEKO xxxxxx nebango xxxxx.
Siyakunikezela olu lwazi lulandelayo ukuthobela uMthetho wokuBolekisa ngeMali (Usury Act) njengoko uxatyangelwe ("uMthetho"):
isixa-mali esizinkozo okanye esiza kufunyanwa nguMBOLEKI-MALI -
eminye imirhumo eyinxalenye yenkunzi (okt. iTyala elinguNdoqo) - Ayikho;
inkunzi (okt. iTyala elinguNdoqo) esisixa sisonke semali esichazwe ku-14.1 no-14.2 apha ngasentla .
imirhumo yezezimali echazwa njengomrhumo wezezimali wonyaka yi-8,5%;
Sibhambathisa ukwenza ukuba isivumelwano sobambiso sokuqala sibhaliswe:
Engumlinganiselo ozimitha eziskwere: ()
EGCINWE NGOXWEBHU LOKUNIKEZELWA ELINGUNOMBOLO
NJENGOkhuselo lwezibophelelo zoMBOLEKI-MALI kuMBOLEKISI ngokwemiqathango yolu xwebhu.
Isayinwe e- ngomhla 2020
NJENGAMANGQINA:
1.
2.
egameni loMBOLEKI-MALI
KUVUNYELWENE YAZA YAMKELWA eSANDTON ngalo mhla usuku 2020.
NJENGAMANGQINA:
1.
2.
Egameni loMBONELELI NGEMALI-MBOLEKO