UMTHENGI ONOLWAZI
UMTHENGI ONOLWAZI
I-OFISI YOMKHUSELI WABATHENGI
Ngubani umthengi?
Uninzi lwethu singabathengi. Khumbula ukuba uyathenga, uyaqeshisa, ufumana
okanye usebenzisa imveliso okanye iinkonzo, ngoko ke ungumthengi.
Esi sikhokelo siza kukuxhobisa ukuba:
Wazi ngamalungelo akho njengomthengi nokuba ungawanyanzelisia njani 2
Yisebenzise ngobulumko imali yakho 4
Zenzele olwakho uqingqo-mali 6
Xxxxx xxxxxxxxxxxx xxxxxxxxxx xxxx 9
Yintoni imfuneko yesi sikhokelo?
Sebenzisa amagunya akhusela abathengi 11
ISEBE LEZOPHUHLISO KWEZOQOQOSHO NOKHENKETHO INKXASO • UKUNIK’UMDLA • UKUDALA • UKUKHUTHAZA • UKUKHULA
Amalungelo noxanduva
lwakho njengo mthengi
Unelungelo:
Lokhuseleko. Abathengi kufuneka bakhuselwe kwiinkqubo zokwenziwa kwemveliso, kwimveliso neenkonzo ezinobungozi empilweni nakubomi babo.
Lokufumana ulwazi. Abathengi kufuneka babonelelwe ngobunyani obufunekayo ukuze bakwazi ukuzikhethela nokukhuselwa kwiintengiso neelebhile ezinganyanisekanga nezilahlekisayo.
Lokuzikhethela. Abathengi banelungelo lokukhetha kumgangatho wezinto neenkonzo ezahlukeneyo ezithengiswa ngamaxabiso anganeno.
Lommelo. Umdla wabathengi kufuneka ubonakaliswe ekwenziweni nasekuqulunqweni komgaqo-nkqubo karhulumente nasekwenziweni xxxxxxxxxx xxxxxxxxx.
Lokulungisa. Abathengi banelungelo lokulungisa kwizikhalazo zabo ngokungabikho semgangathweni, ukungakhuseleki, nangokuxabisa kakhulu nangokungafanelekanga kwezinto neenkonzo, amabango angafanelekanga nezinye izenzo ezingenabulungisa kubathengi.
Lokufundiswa kwabathengi. Abathengi banelungelo kwimfundo eza kubaxhobisa ukuba bakwazi ukwenza ukhetho olunolwazi noluqinisekileyo ngezinto abazithengayo nangeenkonzo.
Lommandla osempilweni nozinzileyo. Abathengi banelungelo lokuhlala nokusebenza kummandla ongafaki xinezelelo kwimpilo nakubomi babo nongafaki ngxakini isizukulwana esikhoyo nesizayo.
Lokoneliseka ziimfuno eziphambili. Abathengi kufuneka bakwazi ukufikelela kwizinto neenkonzo eziphambili ezifana nokutya okwaneleyo, impahla, xxxxx, iinkonzo zezempilo, ezemfundo, amanzi acocekileyo nococeko.
2
EMzantsi Afrika kukho imithetho eyahlukahlukeneyo nemigaqo ekhusela amalungelo abathengi. Le mithetho yenziwe ngurhulumente ukuqinisekisa ukuba abathengi abafana nawe bayakhuseleka kwizenzo ezahlukahlukeneyo zoshishino ezingenabulungisa.
Le mithetho iphunyeziwe kodwa ihleli iluxanduva lomthengi ngamnye neshishini ngalinye ukuqinisekisa ukuba amalungelo abo ayanyanzeliswa kwaye ayahlonelwa. Kukho amalungelo asibhozo abathengi asemgangathweni, amkelekileyo kwamanye amazwe navunyiweyo eMzantsi Afrika. La malungelo anokushwankathelwa ngolu hlobo:
Unoxanduva loku:
Xxxx umgangatho nokukhuseleka kwemveliso. Funda imiyalelo ekwimveliso uyisebenzise njengoko kufanelekile.
Qonda imigaqo yesivumelwano phambi kokuba utyikitye. Ukuba isibonelelo sikhangeleka silunge kakhulu kunokuba bekufanele, umhlawumbi kunjalo. Ukuba awuqinisekanga ngento xxxx imibuzo kwaye ufumane neengcebiso phambi kokuba utyikitye.
Thelekisa amaxabiso ujonge ukuba yintoni umahluko phakathi kwezo mveliso.
Vakalisa iimfuno zakho noko ukulindeleyo. Thatha inxaxheba kwimisebenzi yamaqela abathengi.
Buyela kwishishini ukuba awanelisekanga ngemveliso okanye ngenkonzo ethile. Musa ukoyika ukukhalaza. Qhagamshelana nabasemagunyeni abafanelekileyo abakhusela abathengi ukuphanda ngesikhalazo sakho.
Thatha inxaxheba kumathuba akhoyo okufunda ngakumbi ngamalungelo akho njengomthengi.
Yilumkele imveliso enokubangela ingozi kokusingqongileyo.
Sebenzisa izibonelelo ezifana namanzi ngokufanelekileyo ukuze zonke
iindawo zikwazi ukufikelela kwezo zibonelelo.
I-OFISI YOMKHUSELI WABATHENGI 0800 007 081 INOMBOLO YASIMAHLA | 3
Iingcebiso
kumthengi
Wena nemali yakho
• Ukuhlawula ngemali kusoloko kuyinto elungileyo;
• Ukuba nemali esandleni kungakwenza uthenge ngamaxabiso alungileyo;
• Vula i-akhawunti yokulondoloza imali ebhankini apho unokufaka khona imali;
• Ukusebenzisa ikhadi kufana nokusebenzisa imali, kodwa kukhuselekile;
• Liphathe ikhadi njengemali ungalishiyi lilengalenga esithubeni;
• Qalisa ukulondoloza imali nyanga nenyanga.
Ukuthenga ngetyala
• Thintela ukuthenga ngetyala kangangoko.
• Ukuba ufumene imali-mboleko okanye ityala elifana ne-akhawunti yefenitshala okanye yempahla, wenze isivumelwano nombolekisi wemali kwaye unoxanduva lokubuyisa le mali ngokwemigaqo nemiqathango yesivumelwano .
• Funda imigaqo nemiqathango yesivumelwano ngocoselelo
• Ukuboleka imali kukutya imali.
• Xxxx umbolekisi wemali ukuba uza kuhlawula malini ngenyanga ngokuboleka kwakho imali okanye yimalini inzala ivenkile eza kukuhlawulisa yona nge-akhawunti yakho.
• Kuyakhawuleza kwaye kulula ukuvula i-akhawunti kodwa akusoloko kukhawuleza kwaye kulula ukuyihlawula.
• Kuqala qinisekisa ukuba uyayifuna ngenene na le mveliso. Ungaze usebenzise ukuthenga ngetyala ngokungabinankathalo.
• Nyaniseka xa usenza isicelo sokuthenga ngetyala.
• Jonga ezinye iindlela phambi kokuba uthathe isigqibo sokuthenga ngetyala.
L
•
•
•
umkela ababolekisi ngemali
Abandodlayo nabo bafumana iigranti ngabona bangamaxhoba ababolekisi ngemali ababaxhaphazayo ngokubanika imali- mboleko enenzala ephezulu.
Uninzi lwaba babolekisi ngemali alubhalisanga kubaLawuli beSizwe abajongene nokuthenga ngetyala kwaye abawuthobeli umthetho weSizwe ojongene nokuthenga ngetyala;
Ababolekisi ngemali abavumelekanga ukuba bagcine kubo ikhadi ofumana ngalo igranti, ikhadi lemali okanye isazisi sakho.
Izivumelwano
• Isivumelwano esityikityiweyo sesona sivumelwano sibophelelayo sisemthethweni esiphakathi kwamaqela amabini nangaphezulu.
• Njengomthengi kufuneka uqinisekise ukuba uthathela kuwe uxanduva lokufunda nokuqonda ngemigaqo nemiqathango yesivumelwano phambi kokuba utyikitye.
• Izivumelwano yinxalenye yobomi bethu, umzekelo ukuvula i-akhawunti okanye ukutyikityela ukufumana imfonomfono.
• Thatha ixesha lakho, cela ingcaciso kwaye isivumelwano kufuneka sicaciswe ngolwimi olulula nolwaziwayo.
• Fumana iingcebiso ngesivumelwano ukuba awuqinisekanga;
• Khumbula kungcono ukuthatha ixesha lakho nokufumana iingcebiso phambi kokuba utyikitye isivumelwano kunokuphikisana nemigaqo nemiqathango kamva.
Ipolisi yokungcwaba
• Lumka xa uthatha ipolisi yokungcwaba.
• Injongo ye-inshorensi yokungcwaba kukukubonelela ngoncedo lweendleko zokungcwaba.
• Ipolisi kufuneka imelwe yinkampani ye-inshorensi ebhalisiweyo yexesha elide.
• Umnikazi polisi kufuneka efumene ikopi yoxwebhu lwepolisi, ekufuneka lunegama lenkampani ye-inshorensi enexesha elide xxxx xxxxx ipolisi.
• Umnikazi polisi / ilungu kufuneka linikwe isiqinisekiso sobulungu, esichaza iinkcukacha ezifana negama lommeli (i-inshorensi); imali ehlawulwayo; imali ozihlawulwayo; ubulungu bakho buqala nini; ziintoni ezingafakwanga; ixesha olilindayo phambi kokuba ubelilungu elizeleyo nemigaqo yokwenza amabango.
SOLOKO UKHUMBULA: UKUBA OKO UKUTHENJISWAYO KUKHANGELEKA KULUNGILE, MAKUBE KUNJALO KE
I-OFISI YOMKHUSELI WABATHENGI 0800 007 081 INOMBOLO YASIMAHLA | 5
UQINGQO-MALI Lwakho
Ulwenza njani uqingqo-mali lwakho
Xa uchitha imali eninzi kunaleyo uyamkelayo, oko kuza kukukhokelela kwiinkxwaleko zezemali. Ukuba uyazi ukuba yimalini ekufuneka uyisebenzisile kwaye uyise- benzisa entweni, akufanelanga ubenengxaki yemali.
Yintoni uqingqo-mali?
Uqingqo-mali luyakuxelela ukuba yimalini ingeniso kwaye iyimalini inkcitho ukuze ukwazi ukubona ukuba uselelwe yimalini na kwinyanga nganye.
Abantu babakwingxaki yemali kuba:
• Benenkcitho engaphaya
• Bethenga nge-akhawunti xxxx bangakwazi kuzihlawula izavenge zenyanga;
• Behendwa zizibonelelo ezithile zokuthenga ezivenkileni kwangoko ze uhlawule kamva;
• Bengenzi izicwangciso kwangaphambili ngeendleko abangakhange xxxxxx xxxx- gaphambili njengokulungisa nokunyuka kwenzala, iindleko zokuyigcina kakuhle;
Umzekelo woqingqo-mali:
INGENISO
Umvuzo
Umvuzo womlingane
Uwonke umvuzo
R2500
R2000
R4500
IINDLEKO
Irenti
Iimali zesikolo
Ukutya
Amanzi nombane
Imali yokukhwela
Impahla
Iselula
Iyonke inkcitho
Imali onokuyilondoloza eseleyo
R1000
R200
R2000
R100
R400
R200
R100
R4000
R500
• Beboleka imali koomatshonisa, kubahlobo, kwiintsapho zabo, njlnjl.
Ukubala imali oyiqingqayo
Inyathelo loku-1: Bala imali oyifumanayo
Sebenzisa amaphetshana abonakalisa imali oyihlawulwayo neengxelo zebhanki ukubala oku kulandelayo: Imali yomvu- zo wakho wenyanga okanye weveki, umvuzo womlingane wakho, iigranti, iimali zesondlo nezinye iimali ozifumanayo.
SInyathelo loku-2: Bhala uluhlu lweendleko zakho ezingatshintshiyo
Iindleko ezingatshintshiyo ziindleko ekufuneka ubenazo nyanga nganye nezihlala zingat- shintshi nyanga nenyanga.
Imizekelo: Xxxxx xxxxx xxxxxx, iintlawulo zikamasipala, i-akhawunti yefenitshala neyempahla, imali-mboleko, iimali zesikolo, njlnjl.
Inyathelo lesi-3: Bhala uluhlu lweendleko zakho ezitshintshayo
Ezi ziindleko ezingafaniyo kwinyanga nganye.
• Iindleko ezitshintshayo ekufuneka uzibandakanyile: Ukutya, amanzi, umbane, iindleko zefowuni, izinto ezilungiswayo, njlnjl.
• Iindleko ezitshintshayo ofuna ukuzibandakanya: Ezemidlalo, izipho, ukutya okukhawulezileyo, utywala, icuba, ukuzonwabisa, njlnjl.
Icebiso: Gcina iikopi zazo zonke ii-akhawunti zakho neentlawulo ozen- zileyo uze ukwazi ukugcina ukuba yimalini oyisebenzisileyo. Xxxx xxxxx imali oyisebenzisa xxxxx imihla, nokuba incinci kangakanani na.
Inyathelo lesi-4: Tsintsha indlela oyisebenzisa ngayo imali
Zibuze le mibuzo ilandelayo:
Zeziphi ezona ndleko zibalulekileyo?
Ezi zezona ndleko ziyimfuneko ekufuneka uzihlawule, ezifana nerenti, indlu, i-inshorensi yokufa, ii-akhawunti zikamasipala, njlnjl.
Ndingazicutha njani iindleko zam?
Jongisisa uluhlu lweendleko zakho uzibuze le mibuzo:
• Ingaba ezi ndleko ziphezulu?
• Ingaba zikhona iindlela endingazinciphisa ngazo ezi ndleko?
• Ingaba ezi ndleko ziyimfuneko?
• Ingaba ikhona enye into endinokuyithenga, umz. Izinto ezingenaphawu luthile?
I-OFISI YOMKHUSELI WABATHENGI 0800 007 081 INOMBOLO YASIMAHLA | 7
Xxxxx xxxxxxxxxxxx xxxxxxxxxx xxxxxxxx zakho
Ayimalini amatyala endinawo? Okukhona unamatyala kokukhona un- gakwazi kulawula iindleko zakho. Xxxx xxxxxxxxxxxxx xxxxxxxxxxx xxxxxxxx xxxx xxxxxxxx. Ukuba ikhona imali oyi- londolozayo ngokucutha iindleko ezing- eyomfuneko yityale le mali kumatyala akho.
Yimalini imali endiza kubanayo emva kokuhlawula amatyala am?
Impendulo iza kukukhuthaza ukuba uhlawule ityala lakho nokuba ukwazi ukucwangcisela ingomso. Oku kuza kukuvumela ukuba ukwazi ukwenza izicwangciso zexesha xxxxx xxxxx- iselela ikamva lakho, umz. Imfundo yabantwana.
Inyathelo lesi-5: Lawula imali yakho
Ngoku ulwenzile uqingqo-mali ungakwazi ukuba ungayisebenzisa njani imali yakho. Biza in- tlanganiso yosapho uxoxe nabo ukuba uza kwenza ntoni ukunciphisa iindleko zakho kwaye ufuna ukwenza ntoni ukulondoloza imali. Nciphisa iindleko kwimveliso yezinto ezinamagama athile uzame ukuthenga imveliso ekumgangatho ofanayo kodwa engaxabisi kakhulu.
Iingcebiso ngoqingqo-mali
• Zenzele uqingqo-mali lwakho lwenyanga. Faka ezona ndleko ecaleni kwemali oyiqingqileyo ukuze uqwalasele ukuba uchitha ngaphezulu okanye ngaphantsi koko ubukuqingqile. Zithathele ingqalelo zonke ii-akhawunti zakho xa usenza uqingqo-mali lwenyanga ezayo.
• Ukwenza ulondolozo-mali inxalenye yeendleko zenyanga kuza kukunceda uzibophelele kwinkqubo yokuqhubekeka ukulondoloza.
• Yiba nenjongo yokulondoloza- ukulungiselela imfundo, ukuthenga imoto entsha, isikhenkcezisi okanye ulungiselele xa usitya umhlala -phantsi. Umzekelo, ukulondolozela isikhenkcezisi nokusithenga xa unayo xxxxx imali oyilondolozileyo kuza konga imali eninzi yenzala
• Ukuba ufumanisa ukuba iindleko zakho zibiza kakhulu, kunaxa uthelekisa nengeniso, kufuneka unciphise inkcitho engeyomfuneko. Uqingqo-mali xxxx kukubonakalisa oku ngokucacileyo.
8
AMATYALA
Xxxxx xxxxxxxxxxxx xxxxxxxx
Kuthetha ukuthini ukubanamatyala amaninzi?
Into ebonakalisa ukubanamatyala angaphaya kumntu ngamnye kuxa ungakwazi okanye ungazukwazi kwanelisa zonke izibophelelo ozenzileyo phantsi kwazo zonke izivumelwano zokuthenga ngetyala apho nawe uliqela elithile.
Kufuneka wenze ntoni xa unamatyala amaninzi
Xa ufumanisa ukuba unamatyala amaninzi:
• Inyathelo lokuqala kukudibana nalowo ebekubonelele ukuba uthenge ngetyala uzame ukuthethana naye ngokuhlawula izavenge ezincinane.
• Ukuba oku akuphumeleli, qhagamshelana nomcebisi wamatyala kwindawo ohlala kuyo.
• Umcebisi wamatyala ngumntu obhaliswe ngabaLawuli beSizwe abajongene nokuthenga ngetyala ukunceda abantu abafumana ubunzima kwezemali. Indima nomsebenzi womcebisi ngamatyala umiselwe kuMthetho weSizwe ojongene nokuthenga ngetyala, ka-2005.
Yintoni uMthetho weSizwe ojongene nokuthenga ngetyala?
UMthetho weSizwe ojongene nokuthenga ngetyala ngumthetho wesizwe owamiselwa yiPalamente ukulawula amalungiselelo amatyala abathengi nokuthintela okanye ukuthenga ngetyala okungenabulungisa nemisebenzi yentengiso yokuthenga ngetyala.
Ukukhusela njani wena mthengi uMthetho weSizwe ojongene nokuthenga ngetyala UMthetho weSizwe ojongene nokuthenga ngetyala ukhusela abathengi abenza izivumelwano zokuthenga ngetyala ngokuhlola nokulawula ukuhlawula kwabo amatyala abo. UMthetho ukwabonelela ngabacebisi ngamatyala ukunceda abathengi abangakwazi ukufikelela kwizibophelelo abazenzileyo zezemali ngexesha elimiselwe ukuba bahlawule ngalo amatyala abo.
Umthetho uvumela ukuba unikezele ngezo zinto ungasakwaziyi ukuzihlawula. Phantsi ‘kwesiVumelwano sezavenge’ okanye ‘imali-mboleko ekhuselekileyo’ (imoto/izinto zendlu), unelungelo lokwenza isaziso esibhaliweyo esiya kumboneleli wokuba uthenge ngetyala ukuba kupheliswe isivumelwano ngokweenkqubo ezifunekayo.
I-OFISI YOMKHUSELI WABATHENGI 0800 007 081 INOMBOLO YASIMAHLA | 9
Yintoni indima yomcebisi ngamatyala?
UMthetho ufuna bonke abacebisa ngamatyala babhaliswe kuLawulo lweSizwe olujongene namatyala (NCR) ukuze kuncedwe abathengi. Xa umcebisi wamatyala efumanise ukuba unamatyala angaphaya kwakho, uza kukwazi:
• Ukukunika iingcebiso ngoqingqo-mali;
• Ahlengahlengise amatyala akho;
• Athethathethane nababoneleli ngokuthenga ngetyala egameni lakho ukuba behlisa imali yezavenge;
• Ukuthoba amatyala akho abekwizinga elilawulekayo ngenjongo yokuphucula xxxxx imeko yakho yezemali;
• Ukukunika iinkcukacha eziphambili eziyimfuneko ukusombulula iingxaki zakho zamatyala emihla ngemihla;
• Ukukunika inkxaso nokukubonelela ngeenk0nzo zokukunceda kamva, ngobubuchule bokwenza uqingqo-mali;
• Ukuhlola iintlawulo ozenzayo kubaboneleli bamatyala.
Kufuneka wenze ntoni ukuba ufumana ubunzima bezemali?
Musa ukuzimela
Xxxxx xx-xxxxxxxxx zakho sele zigqithiselwe kubaqokeleli bamatyala, qhagamshelana nomqokeleli wamatyala xx xxxxx isigqibo nabo ngokuhlawula endaweni yokuzimela. Kongezwa inzala nezinye iindleko kwi-akhawunti yakho egqithiselwe kwabaqokelela amatyala ngoko ke luluvo olulungileyo ukuqhagamshelana nabaqokeleli bamatyala kwakamsinyane phambi kokuka zinyuke iindleko nenzala.
Wazi amalungelo akho
Phambi kokuba umqokeleli wamatyala afune imvume kwiinkundla zamatyala zokuthimba impahla yakho ngendlela yokukunyanzela uhlawule amatyala, umboneleli wamatyala kufuneka ngokusemthethweni akunike isaziso esibhaliweyo kwangaphambili, ekuchazela ngezinto onokukhetha ukuzo omawuzenze, ezizezi:
• Ukufuna uncedo kumcebisi wamatyala;
• Ukufuna uncedo kwezinye iindlela zokuxazulula oku okanye
• Ukwenza ukuba amatyala angabisemva
Unelungelo lokuphinda wenze isivumelwano ngokuhlawula xxxxx imali osemva ngayo, kubandakanywa iintlawulo ezongezwayo ngokusilela kwakho nezinye iindleko zokunyanzelisa isivumelwano, phambi kokuba umboneleli wokuthenga ngetyala asicime isivumelwano.
S’ukungayihoyi la leta
Xa ufumana xxxxx yesaziso yeCandelo le-129 okanye nayiphi na xxxxx ebangayo/yesaziso sokugqibela esuka kulowo ukubonelele ukuba uthenge ngetyala, s’ukungayihoyi xxxxx: Yenza into ngayo ngokukhawuleza. Ukuba awuyiqondi xxxxx, funa uncedo oluchubekileyo kumcebisi ngamatyala okanye kwezinye iingcali.
Ungaqhagamshelana naboLawulo beSizwe abajongene nokuthenga ngetyala kwa-0860 627 627.
10
XXXXXXXXXX XXXXXXXXX
sisombululeke
Senze
Ungenza ntoni ukuba unesikhalazo somthengi ngemveliso oyithengileyo okanye ngenkonzo oyifumeneyo?
Nabathengi abalumkileyo ngamanye amaxesha bafumana iingxaki ngezinto abazithengileyo okanye ngenkonzo abayisebenzisileyo. Ukuba unombuzo onxulumene nabathengi, ungalandela le nkqubo ingezantsi:
Iinzame zokuzisombululela ingxaki ngokwakho
• Qhagamshelana neshishini obusebenzisana nalo ngokukhawuleza.
• Chonga ingxaki ethile uyixhase ngobungqina obufana nento eyonakeleyo, isivumelwano okanye irisithi. Xa usebenza ngamaxwebhu, gcina uqobelo usebenze ngeekopi kuphela.
• Cacisa ukuba ufuna sisonjululwe njani isikhalazo sakho. Khumbula
umgaqo-nkqubo wevenkile omalunga ngokubuyiselwa imali nowokulungisa.
• Kuqala zama ukusombulula lo mba nomntu obekuthengisela.
• Ukuba oku akuphumeleli, yiya kwabasemagunyeni kangangoko unako (umlawuli, ummeli ojongene neenkonzo zabasebenzi, njlnjl.)
• Gcina amanyathelo akho. Bhala phantsi iinkcukacha ngesikhalazo sakho. Khumbula amagama abantu obuthethe nabo nemihla obuthethe nabo.
• Yenza iinzame ezinyanisekileyo ukusombulula imbambano ngokwakho.
Kungathini ukuba iinzame zokuzisombululela isikhalazo ngokwakho zingangaphumeleli?
Qhagamshelana ngqo ne-ofisi yoMkhuseli wabathengi ukuba khange ukwazi ukusombulula ingxaki.
Xxxxx xxxxxxxxxxx zoqhagamshelwano
kwiphepha le-12
I-OFISI YOMKHUSELI WABATHENGI 0800 007 081 INOMBOLO YASIMAHLA | 11
Ingakunceda njani I-ofisi yoMkhuseli wabathengi
• I-ofisi yoMkhuseli wabathengi licandelo loRhulumente wePhondo leNtshona
Koloni elasekelwa ukunceda abathengi ekusombululeni imbambano abanayo namashishini okanye namaziko athile.
• I-ofisi yoMkhuseli wabathengi iphanda ngezikhalazo ezifunyanwa
kubathengi ngenjongo yokuzisombulula ezi zikhalazo ngemvisiswano phakathi kwamaqela amabini.
• I-ofisi yoMkhuseli wabathengi ikwaxhasa ii-ofisi ezingama-28 ezinika iingcebiso kwiphondo liphela. Ezi ofisi xxxxxx xxxxxxxxxx yimibutho ezimeleyo engajonganga nzuzo ebonelela ngeenkonzo zokucebisa abathengi ezinikezelwa kubahlali.
Ndingaqhagamshelana njani ne-ofisi ekhusela abathengi?
Ungafaka isikhalazo kwi-ofisi eseNtshona Koloni ekhusela abathengi ngenye
yezi ndlela zilandelayo:
1. Tsalela umnxeba kwinombolo yasimahla: 0800 007 081. Le yinombolo engahlawulelwayo!
2. Qhagamshelana ne-ofisi xxxxx xxxxxxxxxx ekwingingqi yakho
3. Tyelela iofisi ye-OCP ekumgangatho osezantsi, eWaldorf Arcade,
kwa-80 St George’s Mall, eKapa
4. Xxxxxxxxx xxxxxx ziye kwa-PO Box 979, Cape Town, 8000 Iifeksi kwa: 021-483 5872
ii-imeyile kwa: xxxxxxxx@xxxx.xxx.xx
Abacebisi babathengi baza kuphulaphula isikhalazo sakho kwaye bajongane
naso egameni lakho ekuzameni ukusisombulula isikhalazo sakho.
Ikhutshwe: Yi-ofisi eseNtshona Koloni ekhusela abathengi, kwiSebe loPhuhliso
lwezoQoqosho nelezoKhenketho, eWaldorf Arcade, 80 St George’s Mall, eKapa. Inombolo yomnxeba: 021-483 5133, i-imeyile: xxxxxxxx@xxxx.xxx.xx, Inombolo yasimahla: 0800 007 081