Inombolo yefayili: 18/5/1
Inombolo yefayili: 18/5/1
Isalathiso: 20241024-7635
ISetyhula: 0033/2024
Umhla wokuphelelwa: 31 Oktobha 2027
ISebe leMfundo leNtshona Koloni
Xxxxx Xx Xxxx ICandelo lokuXhasa amaZiko ngeZibonelelo Xxxxx.XxXxxx@xxxxxxxxxxx.xxx.xx | 021 467 2094
Iya: KumaSekela Balawuli-Jikelele, kuBalawuli abaziiNtloko, kuBalawuli, kuBaphathi beeSekethe, kwiiNtloko zoLawulo noKuphathwa kwamaZiko, kumaSekela Balawuli akwii-ofisi zezithili, kwiiNqununu nakooSihlalo bamaBhunga oLawulo azo zonke izikolo zikarhulumente ezingekho phantsi kwesiqendu 21
Isishwankathelo esifutshane: Imvumelwano (contract) yokuthengwa nokuziswa kwezinto
zokubhala.
Isihloko: Imvumelwano (contract) yokuthengwa nokuziswa kwezinto zokubhala (B/WCED 3124/23) ukulungiselela ithuba elisusela kwi-01 Novemba 2024 ukuya kwi-31 Oktobha 2027
1. Kucelwa niqaphele ukuba le setyhula kuphela imalunga nokuthengwa nokuziswa kwezinto zokubhala.
2. Le setyhula yenzelwa ukukwaziswa ukuba imvumelwano i-Contract B/WCED 2875/20 yokuthengwa nokuziswa kwezinto zokubhala, yeSebe leMfundo leNtshona Koloni (iSebe iWCED) (eyakhutshwa phantsi kweSetyhula 0025/2021, yomhla we-20 Meyi 2021, yaphelelwa ngowe-30 Apreli 2024, yaze yandiselwa ixesha ukususela ngowe-01 Meyi 2024 ukuya kowe-31 Oktobha 2024 ngokweNgcaciso eMfutshane yeCandelo lokuXhasa amaZiko ngeZibonelelo 0008/2024, yomhla we-25 Apreli 2024, iyatshintshwa ngokwenjenje ngemvumelwano entsha yeminyaka emithathu.
3. ISebe iWCED liqukumbele imvumelwano entsha yeminyaka emithathu (B/WCED 3124/23) yethuba xxxx-01 Novemba 2024 ukuya kowe-31 Oktobha 2027 yokuthengwa nokuziswa kwee-ayithem zezinto zokubhala. Le mvumelwano iya kusetyenziswa zizo zonke izikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21, zii-ofisi zezithili nakwaNdlunkulu weSebe iWCED. Izikolo eziphantsi kwesiqendu 21 zingayinxalenye yokusebenzisa imvumelwano nokwenza i-odolo ngqo kubaboneleli-nkonzo abachaphazelekayo.
3.1 INkonzo (Service) 1 inikezelwe kwi-Bidtiq (Pty)Ltd yaye mayisetyenziswe kwaNdlunkulu, kwii- ofisi zezithili nazizikolo ezikwezizithili zedolophu zilandelayo: Central, East, North, ne-South.
3.2 IiNkonzo (Services) 2 ukuya ku-5 zinikezelwe kwi-LBC Multiserv (Pty) Ltd yaye mazisetyenziswe zii-ofisi zezithili nazizikolo ezikwezi ngingqi zilandelayo:
INkonzo 2: Cape Winelands; INkonzo 3: Overberg; INkonzo 4: West Coast; kunye
NeNkonzo 5: Eden ne-Central Karoo.
4. Kubalulekile ukuqaphela ukuba ii-odolo zezinto zokubhala ziya kwenziwa nababoneleli- xxxxxx xxxxxxxxxxxx kuphela xxxxx xxxxx lixeliweyo:
INkonzo 1 | IiNkonzo 2 ukuya ku-5 |
Bidtiq (Pty)Ltd 00 Xxxxxx Xxxxxx Xxxxxxx Xxxx XXXXXXX 7700 | LBC Multiserv (Pty)Ltd 0 Xxxxxxxxx Xxxx Xxxxxxxxxx XXXXXXXXXX 0000 |
IiNkcukacha zoqhagamshelwano | |
Inombolo yefoni: 021 696 9361 Inombolo yeselula: 072 997 5549 I-imeyili: xxxxxx@xxxxxxxxxxx.xx.xx Umntu emakuqhagamshelwane naye: Xxxxxxx Xxx Xxxxxxxxxx | Inombolo yefoni: 021 794 0411 Inombolo yeselula: 082 475 7068 I-imeyili: xxxxx.xxxxxx@xxxxx.xxx Umntu emakuqhagamshelwane naye: Xxxxxxx Xxxxxx |
5. Izikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 nee-ofisi zesebe kufuneka zisebenzise ikhathalogu eqhotyoshelweyo ukwenza i-odolo yeemfuno zezinto zokubhala zabo zonyaka ochaphazelekayo.
6. Kubalulekile ukuqaphela ukuba ngokwemvumelwano, izikolo zivumeleke uku-odola kuphela ii-ayithem ezikwikhathalogu eqhotyoshelweyo emayisetyenziswe kwizithili zazo.
7. Izikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 kufuneka ziqaphele ukuba imvumelwano yezinto zokubhala ayizithengisi yaye ayizizisi ii-printer cartridges. Ezi ayithem kwakunye nee-ayithem ezingafakwanga iinkcukacha zazo kwikhathalogu, eziquka iphepha lokufotokopa (copy paper), kuya kufuneka ukuba zi-odolwe kusetyenziswa ifom i-WCED 026, emayingeniswe kwi- ofisi yoku-odola iziXhobo eziXhasa ukuFunda nokuFundisa (Learning and Teaching Support Material (LTSM)). Ezi ayithem, ngaphandle kwephepha lokufotokopa, elikwimvumelwano eyahlukileyo (makufundwe iNgcaciso eMfutshane yeCandelo lokuXhasa amaZiko ngeZibonelelo : 0011/2019 yomhla we-18 Oktobha 2019), ziya kufakwa kwisibhengezo-
ntengiso kwimarike evulelekileyo yaye ukuthengwa kweempahla neenkonzo kuya kwenziwa kusetyenziswa iinkqubo zoLawulo lwaBathengi naBathengisi.
8. Izikolo ezingekho phantsi kwesiqendu 21 kufuneka ziziqwalasele yaye zizingenise iirikhwizishini xxxx xxx-ofisi ye-LTSM zisebenzisa le dilesi ye-imeyili ilandelayo:
Maziqwalaselwe nguNks Xxxxxx Xxxx X-xxxxxxx: XXXX@xxxxxxxxxxx.xxx.xx
Inombolo yefoni: 021 467 2345 (ukubuza imibuzo)
9. Kubaluleke gqitha ukuba izikolo zikucwangcise ngononophelo ukumisela ukuba ziya kuzilawula njani na iinkxaso-mali zeMimiselo neMigangatho zazo ukuqinisekisa ukuba abafundi babonelelwa ngezinto zokubhala eziyimfuneko.
10. Kucelwa nazise okuqulethwe yile setyhula onke amagosa achaphazelekayo ukuze akuthathele ingqalelo.