UKUSEBENZA KUNYE
UKUSEBENZA KUNYE
Isikhokelo esikhawulezileyo sabasebenzi kwezolimo
URHULUMENTE WASENTSHONA KOLONI - KWEZOLIMO SINGCONO SISONKE
IZIQULATHO
XXXXXXXX XXXXXXXXXX NJENGABASEBENZI KWEZOLIMO? 2
ISIVUMELWANO SENGQESHO 3
UMVUZO OSISISEKO 4
IXESHA ELONGEZELELWEYO 5
LOKUSEBENZA
IINKCAZELO NGOMVUZO 6
IMALI ETSALWAYO 7
IKHEFU 9
UKUPHELELWA NGUMSEBENZI 11
I-ESTA 14
XXXXXXXX XXXXXXXXXX NJENGABASEBENZI KWEZOLIMO?
Nguye nawuphi na umntu:
• osebenza efama eMzantsi Afrika
• njengomsebenzi osebenza kwikhaya lomfama/umsebenzi osebenza esitiyeni sekhaya lomfama;
• unogada efama okanye kwisakhiwo
apho imisebenzi yasefama yenziwa khona noqeshwe apho efama.
(Jonga igatya 1 le-Sectoral Determination SD: 13) ICandelo laBasebenzi baseFama)
Xxxxxxx: Oonogada abasebenza kwiinkampani zoonogada zabucala (kwinkampa- ni yabucala) xxxx Xxxxxxxxxx njengabasebenzi kwezolimo. Lomthetho usebenza kubasebenzi abasisigxina nakwabo basebenza ithutyana kunye nabaqeshwe zii “labour brokers”.
Ukwazi amalungelo akho njengomsebenzi wasefama kunga- kunceda ukuqonda okulindelekileyo kuwe kunye nongakulin- dela kumqeshi wakho. Kuza kukunceda nokuba wazi
izinto ezithathwa njengobulungisa ngokomthetho nezingebobulungisa xa kujongwe izinto ezifana nemivuzo, ikhefu, izindlu, njalo njalo.
UBUSAZI?
Abasebenzi basefama bakhuselwe yile mithetho ilandelayo: i-Sectoral Determination 13: iCandelo laBasebenzi baseFama (SD: 13), i-Basic Conditions of Employment Act (uMthetho- nombolo 75 ka-1975), i-Occupational Health and Safety Act (uMthetho-nombolo 85 ka-1993), i-Compensation for Occupational Injuries and Diseases Act (uMthetho-nombolo 61 ka-1997), i-Employment Equity Act (uMthetho-nombolo 55 ka-1998) kunye ne- Labour relations Act
2
KWEZOLIMO | Isikhokelo esikhawulezileyo sabasebenzi kwezolimo
XXXXXXX?
ISivumelwano seNgqesho SISIVUMELWANO phakathi kwakho nomqeshi wakho esithi uza ku- vuma ukubasebenzela phantsi kwemiqathango ethile. Ikuxelela ukuba uza kusebenzela bani, yintoni umsebenzi xxx kuwenza, uza kuhlawulwa malini, njalo njalo. Ukutyikitya iSivumelwano seNgqesho bubungqina bokuba uqeshiwe ukuba usebenze.
ISivumelwano seNgqesho KUMELE SIBE xxxx nkcazelo ilandeyo:
O
I
S
I
V
U
M
E
L
W
A
N
IINKCUKACHA ZASO
UMSEBENZI WASEFAMA:
IGAMA
Inombolo ye-I.D.
Isikhundla okanye
inkcazelo yomsebenzi
Iindawo zokusebenza
ZOMQESHI:
IGAMA
Idilesi yasefama
ngokuhambelana neGatya le-8 le-
Sectoral Determination: 13)
Xxxxxx xxxxxxxxxx okanye
izibonelelo (iintlawulo zesisa)
Xxxxxxxx entlawulo nomhla
• Umhla oqeshwe ngawo
• Umvuzo/umlinganiselo womvuzo
•
O
S
E
N
G
Q
U
E
S
H
wentlawulo
Imali etsalwayo
Ikhefu
Ixesha lokwaziswa ngokuphela
komsebenzi okanye ngomhla
wokuyeka ukusebenza
• Indlela yentlawulo
• Umlinganiselo womvuzo wexesha
elongezelelweyo lokusebenza
• Xxxxxx xxxxxxxxxx zemali (umz.
ibhonasi)
• Iiyure eziqhelekileyo kunye
neentsuku zokusebenza
• Iintlawulo zokutya/zendawo
yokuhlala (kufuneka zibalwe
•
•
•
•
.............................................
Utyikityo lwakho
.............................................
Utyikityo lomqeshi
UBUSAZI?
ISivumelwano seNqqesho siyakukhusela ukuba kukho nakuphi na ukungavi- sisani phakathi kwakho nomqeshi wakho. Sikwanceda neSebe lezaBase- benzi liphande ngezikhalazo. Qinisekisa ukuba uyasifunda kwaye usiqonde PHAMBI kokuba utyikitye. Gcina ikopi yesivumelwano sakho.
3
KWEZOLIMO | Isikhokelo esikhawulezileyo sabasebenzi kwezolimo
Umvuzo osisiseko nguwona mvuzo mncinane onokuwuhlawulwa. Kufuneka ube uqinisekisiwe, nokuba wenza isingxungxo.
Owona mvuzo mncinane kweli lizwe uqalise ukusebenza nge1Janawari 2019, yaye ukususela nge 1 Matshi 2020, owona mvuzo mncinane
• yi R18.68 nge yure kubasebenzi kwezolimo.
Kufanele ukuba bonke abaqeshiba ba hlawule abasebenzi babo umvuzo ongekho ngaphantsi kowona mvuzo mncinci kuzwelonke.
Xa umsebenzi sele esamkela umvuzo ongentla kwalo-umisiweyo; umuvuzo wakhe uhlala uphezulu, awunakuthotywa.
Umthetho Ongemivuzo Emincinci kuZwelonke uthi; kwiindawo apho abasebenzi base- xxxxx iiyure ezingaphantsi kwezine ngemini, kufuneke bahlawulwe u buncikane bomvu- zo weeyure ezine.
Qaphela: Ukuba ufuna ukwazi ukuba uthini owona mvuzo mncinci ngoku, nceda uqhakamshelane neSebe lezaBasebenzi okanye nee-ofisi zethu zesithili ukuze xxxxxxx xxxxxx (jonga kwiphepha elingasemva).
4
KWEZOLIMO | Isikhokelo esikhawulezileyo sabasebenzi kwezolimo
XXXXXX ELONGEZELELWEYO LOKUSEBENZA:
Yifunde kunye ne-Basic Conditions of Employment Act kunye ne National Minimum Wage Act (2018)
Iiyure eziqhelekileyo zokusebenza ziiyure ezingama-45 ngeveki ubuninzi. Kodwa ke, kungavunyelwana ukuba ngexesha lonyaka ekukho umsebenzi omninzi ngalo, kunga- setyenzwa iiyure ezingama-50 ngeveki ukuze lakuphela elo xesha lonyaka kuphindwe kusetyenzwe iiyure ezingama-40 ngeveki.
(Xxxxx xxxxxx le-12 nele-15 le-Sectoral Determination: 13)
IXESHA ELONGEZE- LELWEYO
Ngokwesiqhelo, uhlawulwa umlinganiselo weyure enesiqingatha (1.5) ngaphezulu kom- vuzo wakho xa usebenze ixesha elongezelelekileyo.
Umzekelo: Ukuba uhlawulwa i-R18.68 ngeyure, umlinganiselo wakho weyure wexesha elongezelelweyo uza kuba: R18.68 x 1.5 = R28.02 ngeyure.
Kodwa, awunakusebenza ngaphezulu kwee- yure ezili-15 zexesha elongezelelweyo ngeveki kwaye zingabi ngaphezulu kweeyure ezili-12, kuqukwa ixesha elongezelelweyo, ngemini.
ISEBE LEZABASEBENZI
Xxxxx yeMvume
Ukwandisa iiyure
Iifama kunye neesela zingacela iSebe lezaBasebenzi ukuba landise iiyure zexesha elongezelelweyo (umz. ngexesha lokuvuna) kwaye ukuba ziyifumene xxxxx yemvume kufuneka ixhonywe ukuze ibonwe ngabasebenzi.
5
KWEZOLIMO | Isikhokelo esikhawulezileyo sabasebenzi kwezolimo
XXXXXX ELONGEZELELWEYO LOKUSEBENZA:
Yifunde kunye ne-Basic Conditions of Employment Act
IMIVUZO EQHELEKILEYO
MAY
IIHOLIDE XXXX XXXXX-XXXXX:
Umqeshi wakho akanakho ukukuse- benzisa ngeholide zikawonke-wonke ngaphandle kokuba uyavuma ukwen- za njalo. Ukuba uye usebenze ngee- holide zikawonke-wonke kufuneka uhlawulwe ubuncinci umvuzo wakho wemini uphindwe kabini.
Kungavunyelwana kwisivumelwano sakho sengqesho ukuba uza xxxx-
xxxxx nangeeholide xxxx xxxxx-xxxxx. Xxxxxxx xxxx wonke-wonke zingatshint- shiswa ngalo naluphi na usuku ukuba nivumelene nomqeshi wakho.
(Funda inqaku 2(2)loMthetho weeHolide zikaWonke-wonke, uMthetho Nombolo 36 ka-1994)
IICAWE:
Ixesha elisetyenzwe ngeCawe | Intlawulo |
Iyure e-1 okanye ngaphantsi | Phinda umvuzo weyure e-1 |
Ngaphezulu kweyure e-1 kodwazingabingaphe- zulu kweeyure ezi-2 | Phinda umvuzo wesiqhelo ngexesha xxxxxxxxxxx- xxxx |
Ngaphezulu kweeyure ezi-2 kodwa zingabi nga- phezulu kweeyure ezi-5 | Umvuzo wosuku oqhelekileyo |
Ngaphezulu kweeyure ezi-5 | Owona mkhulu phakathi komvuzo ophindiweyo wexesha elisetyenziweyo (ngaphandle kwexesha elongezelelweyo) okanye umvuzo wosuku oqhele- ki- leyo ophindiweyo |
Ukuba usebenza ngeCawe, kufuneka uhlawulwe ngemilinganiselo engaphezulu ngokuxhomekeke kubude bexesha olisebenzileyo ngeCawe.
6
KWEZOLIMO | Isikhokelo esikhawulezileyo sabasebenzi kwezolimo
XXXXXXXXX XXXXXXXX:
Yifunde kunye ne-Basic Conditions of Employment Act
Nanini na xa uhlawulwa kumele xxxxxxx XXXXXXXXX XXXXXXXX XXXXX.
I
P
E
Y
IINKCUKACHA:
UMSEBENZI WASEFAMA:
IGAMA
Umsebenzi okanye
uhlobo lomsebenzi
Intlawulo yexesha
elisetyenziweyo
ZOMQESHI:
IGAMA
IDILESI
I
S
L
I
P
INKCAZELO NGOMVUZO WAKHO KUFU- NEKA IQUKE OKU KULANDELAYO:
Inqanaba lomvuzo
Ingxowamali yeUIF
Inombolo yenkampani
• Izinto ezitsalwayo, kuquka imali
yeUIF
• Imali xxxxx xxxx kwetsaliweyo
• Iiyure zesiqhelo
• Iyure ezinde kunesiqhelo
• Iiyure ezisetyenzwe ngeCawe
okanye ngeholide kawonkewonke
• Intlawulo yawo nawuphi
umsebenzi othe wawenza
UBUSAZI?
Isiliphu somvuzo siqulethe iinkcukacha ezibalulekileyo onokuzisebenzisa ukujonga umvuzo wakho, iirhafu kunye nemali etsalwayo. Iibhanki, iivenkile kunye namasebe karhulumente nazo zifuna iinkcukacha ezikwisiliphu som- vuzo wakho umzekelo (xa uvula i-akhawunti entsha). Gcina iziliphu zomvuzo wakho zikhuselekile kwifayile
7
KWEZOLIMO | Isikhokelo esikhawulezileyo sabasebenzi kwezolimo
Imali ezitsalwayo zizixamali umqeshi wakho azitsala kumvuzo wakho ngaphambi kokuba uhlawulwe.
Kukho izizathu ezi-2 ezigunyazisa umqeshi wakho ukuba atsale imali emvuzweni wakho
• Ukuba kuyimfuneko ngokomthetho, umz. i-UIF, uxolelwaniso, umonakalo - umyalelo wenkundla;
OKANYE
• Ukuba uyavuma.
(Xxxxx xxxxxx le-8 le-SD 13)
Ngezantsi apha zintlobo ezahlukileyo zeemali ezitzalwayo:
1. IMALI ETSALELWA ILAHLEKO OKANYE UMONAKALO:
Kungatsalwa imali kumvuzo wakho ukuba wonakalise impahla okanye izixhobo kwaye ufunyaniswe unetyala emva kweengxoxo zoluleko. Kungatsalwa imali engadlulanga kwikota enye (ama-25%) yomvuzo wakho ngexesha elinye itsalelwa loo monakalo.
Umzekelo:
Ukuba umlinganiselo wentlawulo oyifuma- nayo ngeviki yi R840.60, xxxx kufuneka
uhlawule umgeshi ngamonakelo oxabisa R400. Oku kuthetha ukuba eyona mali ininzi enokutsalwa kumvuzo wekho we R840.60 yi R210.15 noyi (25%).
8
KWEZOLIMO | Isikhokelo esikhawulezileyo sabasebenzi kwezolimo
2. IMALI ETSALWAYO YA- XXXXX LA:
Ukuba uboleka imali kumqeshi wakho ukuze uthenge ukutya okanye izinto ozidingayo, loo mali iza kutsalwa kum- vuzo wakho.
Imali-mboleko kumele ibhalwe phantsi kwaye kubhalwe umhla ekubolekwe ngawo njengobungqina:
• Bexabiso lemali ebolekiweyo;
• Isiqinisekiso sokuba le mali-mboleko ibicelwe ngumsebenzi okwezolimo.
Ityala elingedlulanga ku 10% womvuzo wokho lingatsalwa lonke ngaxesha-xxx.
3. IMALI ETSALWAYO YENDLU:
Yifunde kunye ne-Basic Conditions of Em- ployment Act
Ukuba uhlala kwindlu oyinikwe ng- umqeshi wakho, umfama uvumele- xxxx ukuba atsale i-10% kumvuzo wakho OKANYE angakucela ukuba uhlawule irente, KODWA kuphela ukuba indlu inoku kulandelayo:
• Umbane (ukuba uyafumaneka);
• Amanzi kumgama ongan- geemitha ezili-100;
• Uphahla oluhlalayo nokungangeni xxxxx;
• Iifestile zeglasi ezivulekayo;
• Indlu yangasese egungxulwayo okanye ekufuphi kuyo OKANYE kukho indlu yan- gasese engumngxuma kufuphi kuyo;
• Ibe kangange miitha ezingama-30 xxxxxx xxxxx.
9
KWEZOLIMO | Isikhokelo esikhawulezileyo sabasebenzi kwezolimo
4. IMALI ETSALWAYO ENGEKHO MTHETHWENI:
Izohlwayo (Ngaphandle kokuba ungumqhubi uze ufumane isohlwayo sokuqhuba, umqeshi wakho angayitsala loo mali yeso- hlwayo kumvuzo wakho.)
FINE
Oku kulandelayo AKUVUMELEKANGA ukuba kutsalwe kumvuzo wakho:
Ukulungiswa kwendlu (ngaphandle kokuba umonakalo ubangelwe nguwe).
Uqeqesho
Izixhobo (Ngaphandle kokuba umsebenzi uye wenza umon- akalo okanye walahla izixhobo okanye isixhobo.)
Izixhobo zokhuseleko (Ngaphandle kokuba umsebenzi uye wenza umonakalo okanye walahla isixhobo.)
Ukugcina kunye/okanye ukudli- sa iinkomo okanye iigusha edlelweni - ukuba imvume inikwe ngumnini womhlaba.
Umqeshi wakho akakwazi ukuba atsale ngaphezulu kwama-25% emvuzweni wakho ukuze alungise okanye athenge into emoshakeleyo. Kufuneka kusoloko kusenziwa up- hando ukuqinisekisa ukuba lityala lomsebenzi okanye ayililo kusini na. Kuxa umsebenzi efunyaniswe enetyala kuphela apho angatsalelwa khona imali. (Xxxxx xxxxxx le-8(9)
le-SD:13)
10
KWEZOLIMO | Isikhokelo esikhawulezileyo sabasebenzi kwezolimo
IKHEFU:
Yifunde kunye ne-Basic Conditions of Employment Act
Xxxxx xxxxxxxx ezi-4 zekhefu:
1. IKHEFU LONYAKA:
Umsebenzi oSisigxina
Abasebenzi bangafumana ikhefu elifike- xxxx kwiiveki ezi-3 ezibhatelweyo ngon- yaka ukuba basebenzele umqeshi wabo inyanga ezili-12. Kusenokuvunyelwana kwisivumelwano somsebenzi ukuba usuku olu-1 nolubhatalwayo lwekhefu lufunyanwa qho xa umntu esebenze iintsuku ezili-17.
(Xxxxx xxxxxx xxxx-21 le-SD:13)
Abasebenzi bamaxesha athile/Abasebenzi abasebenza ngesivumelwano sexesha Umsebenzi unelungelo lokufumana usuku olunye xa ethe wasebenzela umqeshi ubuncinane iinyanga ezi-4 ngonyaka.
(Xxxxx xxxxxx xxxx-21 kwakunye nelama- 29(1) (e)(i) le-SD:13)
Qaphela:
Ikhefu lokugula ALIHLAWULWA ekupheleni kwexesha lomsebenzi omninzi wonya- ka/xa kuphela isivumelwano sakho.
2. IKHEFU LOKUGULA:
Umsebenzi oSisigxina
Inani leentsuku zokugula ezihlawulel- wayo onokuzithatha kwiminyaka emi-3/ kwixesha elingangeenyanga ezin- gama-36 lilingana nenani leentsuku ozisebenzayo kwiiveki ezi-6.
Umzekelo:
Ngomsebenzi osebenza iintsuku ezi-5 ngeveki:
5 (iintsuku) x 6 (iiveki) = 30 iintsuku = Umlinganiselo wekhefu onokuli- thatha kwixesha leminyaka emi-3
UBUSAZI?
Awunakugxothelwa ukukhulelwa - oku akukho mthethweni kuba kuvela kuthathwe njengokugxothwa xxxx- genabulungisa.
Abasebenzi bamaxesha athile/Abasebenzi abasebenza ngesivumelwano sexesha Ngeentsuku ezingama-26 ozisebenzayo, uyakwazi ukuthatha usuku olu-1 lwekhefu lokugula olihlawulelwayo
Qaphela:
Ikhefu lonyaka eliqokelelekileyo kumele lihlawulwe ekupheleni kwexesha lokuse- xxxxx lonyaka okanye xa isivumelwano sakho somsebenzi siphela (ukuba useben- ze ngaphezulu kweenyanga ezi-4).
11
KWEZOLIMO | Isikhokelo esikhawulezileyo sabasebenzi kwezolimo
3. XXXXXX XXXXXXXXXX:
Ngokwesiqhelo, oomama bathatha ikhe- fu lokukhulelwa neliziveki ezine 4 phambi kwexesha lokuzalwa komntwana.
Ikhefu lingathatha phakathi kweeveki ezi- 6 neenyanga ezi-4 kuxhomekeke ukuba ugqirha uthi ukulungele yini na ukubuyela emsebenzini. Ngeli xesha, ungafaka isicelo senzuzo kunye nebango kwi-UIF kwiSebe lezaBasebenzi.
Xa ubuyele emsebenzini kwaye umntwana wakho elapho efama, uvumelekile ukutha- tha ikhefu lemizuzu engama-30 kabini ngemini ukuze uncancise. Ukuba umntwana wakho akakho efama, ungafumana ikhefu lokukhamela ebhotileni ukuze ugcinele usa- na lwakho olo bisi.
Qaphela:
Ngeli xesha usazithwele ngalo kunye nak- wiinyanga ezi 6 emva kokubeleka, akuvu- melekanga ukuba umqeshi akucele ukuba
wenze umsebenzi onobungozi nonokuchaphazela impilo xxxxx xxxxxx impilo yomnt- wana wakho.
4. IKHEFU LOKUJONGANA NOX- ANDUVA LOSAPHO:
Xxx likhefu lifumaneka xa umsebenzi wasefa- ma egulelwa ngumntwana kwaye kufuneka akhathalelwe, okanye ukuba kusweleke:
umyeni/inkosikazi okanye umlingane/iqa- bane omsebenzi wasefama okanye kwezo- limo umzali womsebenzi wasefama, umzali ongakuzaliyo kodwa odlala indima yobuzali, umakhulu/ utatomkhulu, umntwana, umnt- wana ongamzalanga kodwa odlala indima
yobuzali kuye, umzukulwana okanye umntakwabo/udade wabo.
Isixamali esihlawulelwa iintsuku zekhefu lokujongana noxanduva losapho kwixesha leenyanga ezili-12 silingana neyentsuku ezi-3 UKUBA:
• usebenzele umqeshi ngaphezulu kweenyanga ezi-4
• usebenza ubuncinane iintsuku ezi-4 ngeveki.
12
KWEZOLIMO | Isikhokelo esikhawulezileyo sabasebenzi kwezolimo
Kuzo zonke iimeko, kuluxanduva lomsebenzi ukubhalela umqeshi ,umazisa ngenjongo yokuthatha ikhefu Lokonga usana lwakho /Oceliweyo/ Ozelwe ngesizalo somnye um- fazi. Kufuneka eso saziso sivakaliswe kwixesha elingange nyanga ubuncikane phambi kokuzalwa komntwana, okanye xa ekhuliswa ngumdlezana, okanye xa evunyelwe uku- ba angakhulisa umntwana amcelileyo, yaye kufuneka siqulathe oku:
• Umhla elizakuqalisa ngayo ikhelu lokukhulisa usana,
• Umhla ozakubuyela ngawo emsebenzini.
5. XXXXXX XXXXXXXXXXX USANA: (Xxx- xxxxxxxx)
Umzali ongumdlezane unelungelo leentsuku ezili 10 ezilandelelanayo kwikhefu lokukhulisa usana neliqala ngomhla:
• Wokuzalwa kosana lo msebenzi, okanye
• Inkundla imvumele ukukhulisa oceliweyo,
• Xa usana lukhuliswa ngabalucelileyo, kuxhome- keke ekuphunyezweni kwesicelo xxxx yinkundla.
6. XXXXXX XXXXXXX XXXXXXXXXXX: (Alihlawulwa)
Xa umsebenzi esamkela umntwana ocelwe ngokusemthethweni naxa umntwana lowo engaphantsi kweminyaka emibini ezelwe, umsebenzi woba nelungelo lekhefu lokukhu- xxxx umntwana neliziintsuku ezili 10 zilandelelana. Xxx khefu liqala ngomhla inkundla ikunike igunya lokukhulisa, okanye ngomhla um/abantwana e/besiba phantsi kwaban- tu om/ababagcinayo, kuxhomekeke kwisicelo.
Ngumzali omnye kuphela onokwenza isicelo sokukhulisa umntwana oceliweyo (iiveki ezili 10 zilandelelana). Omnye umzali angenza isicelo sekhefu lokukhulisa umntwana (iintsuku ezili 10 zilandelelana). Ngabazali abazakuzikhethela.
7. XXXXXX XXXXXXXX NGESINYE ISIZALO: (Xxxxxxxxxxx)
Umzali okwisivumelwano sokuthwala isisu azakusizalela omnye umfazi unelungelo leentsuku ezili 10 zilandelelana zekhefu lokukhulisa umntwana. Xxx khefu liqala ngomhla azelwe ngawo umntwana ngokwesivumelwano sokuzalelana kwabafazi.
Ngumzali omnye kuphela onokwenza isicelo sokukhulisa umntwana oceliweyo (iiveki ezili 10 zilandelelana). Omnye umzali angenza isicelo sekhefu lokukhulisa umntwana (iintsuku ezili 10 zilandelelana). Ngabazali abazakuzikhethela.
13
KWEZOLIMO | Isikhokelo esikhawulezileyo sabasebenzi kwezolimo
Ingaba ndisalihlawulelwa ixesha xxx lokwazisa ukuba ndiyayeka ukuphangela?
?
Ewe. Ungalisebenza lonke ixesha lokwazisa ukuba uyayeka ukuphangela OKANYE umqeshi angagqiba kwelokuba akuhlawule ngaphandle kokukucela ukuba usebenze ixesha lakho lokwazisa ukuba uyayeka ukuphangela. Umqeshi wakho angakutsalela imali exabisa (ixabiso lemali) ixesha lokwazisa ukuba uyayeka ukuphangela ukuba uyeka
ukuphangela ngaphandle kokulisebenza ngokupheleleyo ixesha lakho lokwazisa ukuba uyayeka ukuphangela. Amatyala akho angatsalwa kumvuzo wakho wokugqibela.
UkuPhelelwa nguMsebenzi kuthetha uku- ba wena okanye umfama ukhetha ukuyeka/ ukukuyekisa umsebenzi
wakho.
IXESHA LOKWAZISA UKUBA UYAYEKA UKUPHANGELA:
Ixesha lokwazisa ukuba uyayeka ukuphange- la ngumlinganiselo wexesha ekumele ulinike okanye ulinikwe phambi kokuyeka umsebenzi.
Ixesha onalo emsebenzini: | Ixesha lokwazisa ukuba uyayeka ukuphangela: |
Ngaphantsi kweenyan- ga ezi-6 | Iveki e-1 |
Ngaphezu kweenyanga ezi-6 | Iveki ezi-4 |
(Xxxxx xxxxxx xxxx-26(1) le-SD:13)
UKUGXOTHWA:
Ukuba ugxothiwe kufuneka kubekho isizathu esiphathekayo soku, kwaye kufuneka kulandel- we umgaqo ofanelekileyo.
Izizathu zokugxothwa ziquka:
• Ukuziphatha kwakho ngendlela en- gamkelekanga (ukungaziphathi kakuh- le);
• Awukwazi ukwenza umsebenzi wakho kakuhle ngenxa yokugula okanye ukwenzaka- la (ukungakwazi ukusebenza)
• Ukudendwa (iimfuno zomsebenzi).
Umgaqo ofanelekileyo uza kubandakanya
• Ukuchazelwa ngamatyala kunye neengxoxo.
• Ukunikwa ixesha elifanelekileyo lokulungiselela iingxoxo.
• Unikwa ithuba lokuba umelwe ngomnye umsebenzi kwiingxoxo, ukuze uphendule kwizityholo kwaye ukuba kuyimfuneko ubize amangqina.
• Ukuba awuxolanga sisiphumo, unelungelo lokuthatha le nyewe uyise
kwi-CCMA. Oku kugqithiselwa kwale nyewe kufuneka kwenziwe kwiintsuku ezin- gama-30. (Xxxxx xxxxxxxxx ye-CCMA, 0861 16 16 16.)
14
KWEZOLIMO | Isikhokelo esikhawulezileyo sabasebenzi kwezolimo
KWENZEKA NTONI XA NDIPHELEL- WA NGUMSEBENZI?
Ukuba unelungelo lentlawulo yembuyekezo ibalwa ilingane nomvuzo weveki kunyaka ngamnye wen- konzo owugqibileyo kulo mqeshi.
Umzekelo, ukuba usebenzele umqeshi othile iminyaka esi-7 kunye neenyanga ezili-10, intlawulo yakho yembuyekezo iza kulingana nomvuzo wee- veki ezisi-7.
ISIQINISEKISO SENKONZO:
Xa ushiya umsebenzi ungacela iSiqinisekiso seN- konzo.
I
S
I
Q
I
N
I
S
E
K
I
IINKCUKACHA ZASO
UMSEBENZI WASEFAMA:
Igama
Inombolo ye-ID.
Umhla wengqesho
ZOMQESHI:
Igama
Idilesi yasefama
S
O
S
E
N
K
O
N
Z
O
• Isikhundla sakho
• Naluphi na uqeqesho olufumeneyo
• Umvuzo wakho ekupheleni komsebenzi
• Izizathu zokuphelelwa ngumsebenzi (Umsebenzi angakhetha
ukuba ufuna isizathu siqukwe kusini na)
.............................................
Utyikityo lwakho
.............................................
Utyikityo lomqeshi
UBUSAZI?
Imali etsalelwa i-UIF kumvuzo wakho ikuvumela ukuba wenze ibango lale mali kwiSebe lezaBasebenzi xa ungaphangeli.
15
KWEZOLIMO | Isikhokelo esikhawulezileyo sabasebenzi kwezolimo
Ukuba uphelelwe ngumsebenzi kwaye uburhuma kwi-Unemployment Insurance Fund (i-UIF), uyakwazi ukufaka isicelo kwiSebe lezaBasebenzi uze ufumane imali ngeli xesha ungaphangeli.
UNGALENZA NINI IBANGO?
Kufuneka wenze ibango kwiinyanga ezi-6 xxxxxx uyekile ukusebenza kwaye ungafaka isicelo kwi-UIF kuphela ukuba:
• Umqeshi bakho ephelelwe yimali;
• Isivumelwano sakho sokusebenza siphelelwe lixesha;
• Uye wagxothwa.
AWULENZI IBANGO XA KUTHENI?
Awunakho ukwenza ibango le-UIF ukuba:
• usebenze ngaphantsi kweeyure ezingama-24 ngenyanga;
• ungummi welinye ilizwe obuyela ekhaya emva kokuphela kwesivumelwano sengqesho;
• udla umhlalaphantsi;
• awukhange uyihlawule i-UIF;
• ufumana inzuzo nezibonelelo ze- Compensation Fund;
• unqunyanyisiwe emsebenzini wakho ngenxa yobuqhophololo;
• uziyekele emsebenzini okanye usuke wahlala awaphangela ngaphandle kwesizathu;
• sele uphangela kwenye indawo.
IZIKO
LABASEBENZI
ISIVUME- LWANO SOKU- SEBENZA SIPHELILE
I-UIF INGAYEKA XXXXXXX XXXXXXXXXX KUWE UKUBA:
UIF
• awuyi xxxxxx ingxelo ngamaxesha okanye ngemihla emiselweyo;
ISITHUBA
• wala uqeqesho okanye ingcebiso;
• wala ukuthatha umsebenzi;
• sele uphangela kwenye indawo.
16
KWEZOLIMO | Isikhokelo esikhawulezileyo sabasebenzi kwezolimo
XXXXXXX XXXXXXX- XXXXX XXXXX
Ingaba umninindawo/ umntu ophetheyo angakwazi ukuliphelisa ilungelo xxx lokuhlala endlwini yasefama?
Ewe, kodwa kuphela xa wenze into engalunganga (umzekelo, wonakalise impahla yasefama ngabom), xa usala ukuhlawula imali etsalwayo yendawo yokuhlala ebenivumelene ngayo, xa ugxothiwe okanye uyeka ukuphangela. Kodwa ke, kufuneka ufumane isaziso esibhaliweyo
?
UKHUTSHIWE ENDLWINI YASEFAMA
UNIKWE UPHU- MAPH- ELE
UNGASETYENZISWA NINI UMYALELO WOKUKHUT- SHWA EFAMA?
• Xxxxxx uhlawulwe imbuy- ekezo yakho.
• Inkundla imisele umhla wokuba kufuneka uhambe nini na kuloo ndlu/loo fama.
- Ukuba awuhambi ngaloo mhla umiselweyo, ungakhutsh- wa.
NGUBANI ONOKUKHUPHA?
• NguMthunywa weNkundla kuphela okanye umntu xxx- xxxxx ngaphantsi kwakhe.
NGUBANI OKHUSELWE NGU-ESTA?
I-ESTA:
Ukwandiswa koKhuseleko lweNdawo yokuHlala lo gama usebenza kuloo fama (I-Extension of Security of Ten- ure – uMthetho nombolo 62 ka-1997)
Abantu ababehlala, ngemvume yomnini mhlaba okanye yomntu ophetheyo, kumhlaba womnye umntu ngomhla okanye emva komhla we-4 kuFebhuwari ka-1997, bakhu- selwe ngulo Mthetho. Imvume inganikezelwa ngomlomo okanye ngokubhaliweyo ngesivumelwano sengqesho.
NGUBANI ONGENAKUKHUTSHWA ENDLWINI YASEFAMA?
Umntu ohleli ixesha elide efama ngemvume yomnini mhlaba/yomntu ophetheyo ehleli ixesha elingaphezulu kweminyaka xxx-10 ilandelelana KWAYE eneminyaka en- gaphezulu kwama-60 ubudala;
OKANYE
- Umntu oye wabhengezwa okanye ongakulungelanga ukuphangela ngenxa yokugula lo gama eqeshwe ngumni- ni mhlaba.
INGABA UKUKHUTSHWA EFAMA KUSEMTHETH- XXXX XX XXXXXXX?
UMYALELO WOKUKHU- TSHWA END- LWINI
YASE- FAMA/ EFAMA
UMTHUNYWA WENKUNDLA
• Ukukhutshwa efama kusemthethweni kuphela xa kukhut- shwe uMyalelo weNkundla/iSaziso zokuKhutshwa.
17
UMYALELO
WOKUKHU-
TSHWA END-
LWINI YASE-
FAMA/
EFAMA
UMHLA:
KWEZOLIMO | Isikhokelo esikhawulezileyo sabasebenzi kwezolimo
Amasebe/Amaziko anokunceda ngeenkonzo abasebenzi basefama nabavelisi:
AmaSebe kaZwelonke: | |
ISebe leMicimbi yezeKhaya | • Amaxwebhu abalulekileyo umz. Iziqinisekiso zokuzalwa, iincwadi zeZazisi, iziqinisekiso zomtshato nezokubhubha |
ISebe lezaBasebenzi | • Izivumelwano zengqesho • Imivuzo, izibonelelo kunye nexesha elongezelelweyo • Imali etsalwayo kunye nekhefu • Izibonelelo zabangasebenziyo • Ezempilo nokhuseleko emsebenzini • Ukuhlolwa kweefama |
ISebe lezoPhuhliso lwaseMaphandleni kunye noHlengahlengiso lwezoM- hlaba | • ESTA: Ukwandiswa koMthetho woKhuseleko lokuHlala lo gama usaSebenza efama Ukukhutshwa efama/endlwini yasefama |
AmaSebe ePhondo: | |
ISebe lezoLimo laseNtshona Koloni | • Izitiya zokutya zasemakhayeni • Iinkonzo ngempilo yezilwanyana • Uqeqesho lwezolimo • Iibhasari kunye noqeqesho lomsebenzi usengumfundi • Ukuphuculwa noncedo lwabasebenzi basezifama |
ISebe loKhuseleko luLuntu laseNtsho- na Koloni | • Iinkqubo zokuthintela ulwaphulo-mthetho ekuhlaleni • Uqeqesho lokugada ekuhlaleni kwiifama |
ISebe leMicimbi yeNkcubeko nezeMidlalo laseNtshona Koloni | • Iinkqubo zezeMidlalo nolonwabo zabasebenzi basezifama |
ISebe lezeMpilo laseNtshona Koloni | • Iinkonzo zeekliniki nezibhedlele • Iinkonzo zononophelo lwasekhaya • Ezempilo yabadala, iintsana, abakhulelweyo, ezempilo yengqondo nezamabhinqa • Ezezondlo kunye nokugonywa • Unonophelo lwabane-HIV/Aids kunye neSifo sePhepha (TB) • Unonophelo lomlomo namazinyo |
ISebe lokuHlaliswa koLuntu laseNt- shona Koloni | • Inkxasomali yokuthenga indlu kunye noncedo |
ISebe looRhulumente baseKhaya laseNtshona Koloni | • Iinkonzo zeThusong • Iinkonzo zikaMasipala • Ulawulo lweeNtlekele • Iinkonzo zemililo nohlangulo |
ISebe loPhuhliso lwezeNtlalo laseNt- shona Koloni | • Unonophelo lwabantwana kunye neenkonzo zokhuseleko • Uphuhliso lolutsha • Inkqubo yabadala • Ukusetyenziswa kweziyobisi • Abantu abanenamakhaya |
Oomasipala: | |
Izicelo zezindlu, ukuthuthwa kwenkukuma, iinkonzo zemililo nohlangulo, amathala eencwadi kunye neenkon- zo zolwazi, iimpephamvume zezithuthi nezabaqhubi, iipaka, iiplani zezakhiwo kunye nokuhlolwa kwamaxabi- so ezakhiwo. | |
Okunye: | |
IKomishoni yoXolelaniso noLamlo (i-CCMA) | • Ukusonjululwa kwengxwabangxwaba ngezeMisebenzi • Ukupheliswa kwengqesho |
I-Arhente yoKhuseleko lwezeNtlalo yaseMzantsi Afrika | • Izicelo zezibonelelo zikarhulumente umz. Isibonelelo saban- tu abada- la, isibonelelo sokugula nokukhubazeka, isibonelelo sokukhathalela umntwana, isibonelelo sokuxhomekeka kwinkath- alo, isibonelelo senkxaso yomntwana kunye nesibonelelo sesiqabu kunxunguphalo lwezentlalo |
Ukuze xxxxxxx xxxxxxxxxxx ezithe vetshe kunye nezoqhagamshelwano nceda utyelele: ku-www. xxxxxxxxxxx.xxx.xx
18
KWEZOLIMO | Isikhokelo esikhawulezileyo sabasebenzi kwezolimo
AMANQAKU:
19
KWEZOLIMO | Isikhokelo esikhawulezileyo sabasebenzi kwezolimo
xxx.xxxxxxxxx.xxx / xxx.xxxxxxxxxxx.xxx.xx
Injongo yeSebe lezoLimo laseNtshona Koloni kwiNkqubo kaRhulumente yoPhuhliso lwaBasebenzi baseFama kukuphucula inkangeleko kunye neemeko zezentlalo noqoqosho zabasebenzi basefama kunye neentsapho zabo ngokuququzelela uqeqesho kunye nenzame zophuhliso ukuze baphucule umgangatho wobomi babo.
Senza Ntoni?
• Sinikezela ngoncedo lwezemali kwimibutho engenzi ngeniso ukuze iqalise ngoqeqesho lwezakhono zobomi kunye neeprojekthi zokuphucula ezentlalo.
• Sinceda abasebenzi basezifama kunye neentsapho zabo bafikelele kwiinkonzo zikarhulumente ngokubathumela kumasebe afanelekileyo.
• Senza ubalo lwamakhaya abasebenzi basezifama ukuze simisele oovimba beenkcukacha xxxx xxxxx abasebenzi basezifama kunye neemfuno zabo.
• Ukusindleka umsitho wokunikezela iiMbasa eziqaphela umsebenzi oMhle kwezoLimo zoNyaka zaseNtshona Koloni.
• Ukuthetha norhulumente, nabachaphazelekayo kunye namaqumrhu ophuhliso ukuqinisekisa ukuba imiba yabasebenzi basefama ihlala iphambili kuluhlu lwezinto ezixoxwayo.
• Ukwenza utyelelo lweefama ukulandelela imibuzo.
• Ukuthetha nabasebenzi basefama kunye nabavelisi ukuze kwabelwane ngolwazi kwaye kudalwe iqonga lonxibelelwano olwakhayo.
Nceda uqhakamshelane nee-ofisi zethu zesithili ukuze ufumane iinkcukacha ezithe vetshe kunye/okanye, neengcebiso.
Garden Route: George Office Cape Metropole: Elsenburg Office Xxxx Xxxxxxxx Xxxx Xxxxxx
xxxxx@xxxxxxxxx.xxx xxxxx@xxxxxxxxx.xxx
044 803 3753 / 074 613 0000 000 000 0000 / 076 982 7655
Cape Winelands: Elsenburg Office Cape Winelands: Elsenburg Office Xxxxxx Xxxxxxxx Xxxxx Xxxxxx
xxxxxxx@xxxxxxxxx.xxx xxxxxx@xxxxxxxxx.xxx
021 808 7656 / 081 505 7549 021 808 5421 / 078 096 2504
Overberg: Bredasdorp Office Central Karoo: Beaufort West Office Xxxxxxxxxx Xxxxxx Xxxxx Xxxxxxx
xxxxxx@xxxxxxxxx.xxx xxxxxx@xxxxxxxxx.xxx
028 425 2681 / 082 902 7326 023 414 2126 / 072 580 0950
West Coast: Vredendal Office Xxxxxxxxxx Xxxxxxxxxx Xxxxxx xxxxxxxxxxxx@xxxxxxxxx.xxx 027 201 3531 / 082 902 7318
Le ncwadi ikwafumaneka nangezi iilwimi: Afrikaans nesiNgesi
20 KWEZOLIMO | Isikhokelo esikhawulezileyo sabasebenzi kwezolimo
Agriculture 20200910 Xhosa 20 pg.indd 20 2020/09/10 12:31:58